
Ngu Linda Ximba
Minyaka le abathandi bomculo kweli bahlala bebaze iindlebe belindele ukuva iingoma ezakohlukanisa unyaka. Kwelityeli basele bentlandlo mbini abathandi bomculo ngenxa yengoma yeqela iBig Nuz ethi “Ngeke”, eyohlukanise unyaka kwisikhululo sikanomathotholo Ukhozi FM.
Abathandi bomculo abaninzi bakhala ngelithi bekufanele ingoma eyohlukanisa unyaka ibe yeka KO ehamba no Young Stunna no Blxck ethi “SETE”.
Kwelinye icala, kukho ukubethabethana kwezimvo kubathadi bomculo ingakumbi kwiphondo iKwaZulu Natal, apho bakhala ngelithi ingoma ka King Monada ethi “Aye Kuwa” khange ivele nangotshengele kuluhlu ebekulindeleke ukuba lohlukanise unyaka. Le ngoma iyintandokazi ivotelwe njengeyona ngoma yonyaka kwizikhululo zika nomathotholo iThobela FM kunye ne Phalaphala FM – ezona ziitishi zihamba phambili kwiphondo laseLimpopo.
Ingoma eyohlukanisa unyaka kwisikhululo sikanomathotholo Ukhozi FM yinto esoloko ijongwe ngamehlo abomvu kwintlalo yalemihla kumculo woMzantsi Afrika, apho uluntu luye lukhethe eyona ngoma yokwahlukanisa unyaka kanye ngosuku lokugqibela enyakeni.
Esisikhululo sikanomathotholo sisasaza ngolwimi lwesiZulu sinabaphulaphuli abaqikelelwa kwizigidi ezisixhenxe, kwaye abasebenzisi bamakhasi ezonxibelelwano bathi iqela leBig Nuz liphumelele kuba ilelaseMlazi kwiphondo laKwaZulu Natal.
UKhutso Mamabolo ubhale kwikhasi lika Twitter esithi: “Zonke izikhululo zikanomathotholo zeSABC kufanele zidlale ingoma enye yokohlukanisa unyaka ukuze lenze ubumbano kubemi beli ngaphandle kwemida yezocalucalulo. Lento yokuba kuthandwe iBig Nuz eKZN kunye noMonada eLimpopo kufuneka ifikelele esiphelweni.”
“Sifuna ubumbano lexesha lika Brenda Fassie, uDJ Sbu, iMafikizolo nabanye, kuba sifuna ingoma enye!”
Ngokweqonga lomculo elisebenzisa umnatha iSpotify, le ngoma ibeyeyona imanyelwayo luninzi labantu kweli – ibetha iingoma ezidumileyo ezifana no“Paris” ka Q-Mark, ingoma yeGlass Animals ethi “Heat Waves”, elikaWanitwa Mos ethi “Dali Nguwe” kunye neyeqela iLost Frequencies ethi “Where Are You Now”.
“Abemi belizwe loMzantsi Afrika babonise uthando olumandla kwingoma ka KO ethi ‘SETE’. Le ngoma ibonakele ngokufumana ukuthandwa ngabalandeli beliqonga ngokuyiphakamisela iintliziyo, le yindlela yokubonisa eliqonga ukuba ingoma uyayithanda ingoma ethile ngokoluhlu, okanye icwecwe”, lichaze lenjenje eliqonga.
Ziphanzile iinzame zokufumana uluvo lomlawuli weSABC Group Executive: kwicandelo lezabasebenzi kunye neentengiso uGugu Ntuli ukuze sifumanise ukuba ezimvumi zifumene iivoti ezingaphi.
Umfanekiso ongasentla: Ngu KO kunye neqela leBig Nuz
Imvelaphi yomfanekiso: Zalebs