Ileta evela eKadoma, eZimbabwe: ibali likaBontle landinika intshisakalo yokubuyela ekhaya

Ngu Dalphine Tagwireyi

Ekugqibeleni uyaphela unyaka ka2022, kodwa into nje endinokuyithetha ngeendaba zalonyaka, kukuba indlela ibinde kakhulu. 

Uhambo lonyaka ka2020belonganyelwe zimvakalelo ezohlukeneyo, njengoko ndizibone ndingumntu ohlala ekhathazekile ngenxa yebali elandikhathaza ndade ndafikelela kwisigqibo sokuba ndibuyele ekhaya eZimbabwe. 

Ngolusuku ndafumana umyalezo ngomthombo othembekileyo kwilali yaseMasoyi eMpumalanga undixelela ukuba kukhangelwa intwazana eneminyaka emithandathu. Eneneni zange ndicinge ukuba ukubhala ngesisehlo kungandenza ndithathe isigqibo sokuba ndiqine isibindi ndishiye ilizwe loMzantsi Afrika. 

Ibali likaBontle Mashiyane landenzela isazela, njengomzali.

Nangona safundiswa ukuba imvakalelo zethu mazingachaphazeli indlela esisebenza ngayo, kwelityeli kwakohlukile. 

Isisu sam sasixuxuzela ngalo lonke ixesha kukhona iinkcukacha ezintsha malunga nokulahleka kwale ntwaza. 

Intliziyo yema ndayiva izika ndakuva iindaba zokuba, umbulali obengaphandle ngengqawule ngumntu wokugqibela ukubonwa ethetha noBontle. 

Umphefumlo wam wadandatheka nangakumbi ndakufumanisa ukuba umzimba kaBontle ufunyenwe ungcwatywe kwingcwaba elingekho nzulu unqunyulwe amalungu omzimba. Ukutyelela ikhaya lakhe nokubona umama wakhe ezilele ukusweleka komntwana wakhe kwandiphelelisa ngamandla. 

Ndasala ndinemibuzo engaphendulekileyo, uvalelisa njani kumntwana omncinci oluhlobo? bangaze bakhuseleke abantwana ekuhlaleni? Ukuba abantu abadala ngabo abenzi bobubi ebantwaneni, ngobani na abaza kukhusela abantwana bethu? 

Yayiminizi imibuzo kungekho zimpendulo. Ndaziva ndinomva ndedwa kwaye ndakhumbula ukuba andinokwazi ukusebenza ndikule meko. Ndandi tsalela umama wam umnxeba zonke iintsuku kuba ilizwi lakhe lalindenza ndomeleza. 

Ndandisilwa neemvakalelo zentlungu ezazime ngenyawo usuku nosuku kuba elibali landonzakalisa kanobom, kongeza iphulo elaliqhuba kumakhasi ezonxibelelwano limemelela ukuba abemi baseZimbabwe mabagoduke (#Zimbabweansmustgo), ndaqonda ukuba lelibali elandinika intshisakalo yokuba ndibuyele ekhaya. 

Ngalomzuzu sijamelene nengxaki ka cimi-cimi wombane othatha iiyure ezilishumi elinesibhozo, kwaye ngelishwa sihlala kufutshane nesibhedlele sika wonke wonke. 

Ngokokwam ndikhetha ukusebenzisa iibhanki ezingaphandle kwelizwe laseZimbabwe, njengoko ukhupha imali khuselekileyo kuzo, kwaye intlawulo zincinane, kodwa ukubasekhaya kundinike ukhuseleko olumandla kuba ndingqongwe lusapho nothando. 

Umama wam usoloko ebuza ukuba “Uzakuthini ngoku?” njengoko bonke abahlobo bam ebendikhula nabo ndifunda nabo bekwiindawo ezohlukeneyo kwihlabathi liphela. Inye indlela endisoloko ndimphendula ngayo, apho lundibeka khona usiba ndizakuya. 

Umfanekiso ongasentla: NguBontle Mashiyane 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe