
Ngu Lungi Langa
Usathe thaaa engqondweni yam umbono wosuku endandiphanda iinkcukacha malunga neempuphuma zenyanga kaTshazimpuzi, ndikhangela ibali endizakubhala ngalo.
Kuphando lwam ndafumana iinkcukacha zeentsapho ezilahlekelwe ngamalungu azo kwezimpuphuma abanye beswelekile ngelixa abanye babelahlekile kungaziwa ukuba batshone ngaphi emva kokukhukhuliseka zizikhukhula.
Kwakungekho nto eyayinokundilungiselela ukufumana iindaba endazifumana kumnxeba kamakazi wam.
Saziswa ukuba umzi womnye umakazi wam owayehlala eNazareth, kude kufuphi nasePinetown kwiphondo laKwaZulu Natal, ngomnye wemizi eyakhukhuliswa ziimpuphuma ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga kaTshazimpuzi ngethuba kunetha izandyondyo zemvula ezaziqale ngosuku olungaphambili.
Oku kwakuthetha ukuba umakazi wam uDuduzile Majola, umyeni wakhe uBongani kunye nonyana wabo owayeneminyaka elishumi elinesithandathu uAndile, babeyinxalenye yamaxhoba aphulukana nobomi bawo kwiimpuphuma ezazigqugqisa kwiphondo laseKZN.
Ezi yayingezondaba sizilindeleyo njengoko sasibeke iliso kwinkcukacha ezintsha malunga neempuphuma ezindabeni.
Umzala wam uNathi owabane thamsanqa lokusinda kwesisithwakumbe, wasixelela ukuba yena nomfowabo uAndile kunye notata wabo babephandle besomba umsele belungiselela amanzi ukuba akwazi ukudlula, emva kokuba befumanise ukuba amanzi azangamandla.
Njengoko babesomba kwathi gqi isikhukhula esikhulu sinamandla bengasazi ukuba sivelaphi sakhukhulisa utata wabo.
Yena noAndile bazama ukumnceda, kodwa noAndile wakhukhuliseka.
Imizimba yabo yafunyanwa kusuku olulandelayo igqunywe zintsalela zokungcola okubangelwe zizikhukhula.
Indlu yabo yakhukhuliseka yayakufumaneka kumgama wekhilomitha ezimbalwa ukusuka kwindawo eyayakhiwe kuyo, umakazi wayengaphakathi endlini ngexesha lesehlo wayesacoca.
Naye wafunyanwa kusuku olulandelayo, engekhozingqondweni kakuhle, wabalekiselwa kwisibhedlele iRK Khan Hospital apho wasweleka ngenxa yomonzakalo.
Ngethuba kuqhuba inkonzo yomngcwabo yabo, kwakunzima ukubabona kuba imizimba yabo yayisele imoshakele kukuhlala ixesha elide kwisikhenkcezisi, kuba ayemaninzi kakhulu amaxhoba eempuphuma ekwakufuneka ekhutshiwe.
Ndandiqala ukuba kwimeko apho usapho lwam luyinxalenye yebali endibhala ngalo – kwaye babeyinxalenye yesithwakumbe esoyikekayo endingasoze ndasilibala.
Umfanekiso ongasentla:
Imvelaphi yomfanekiso: