IKhrismesi eLimpopo iyabukwa!

Ngu Doreen Mokgolo

Ixesha leeholide zokuphela konyaka laziwa njengexesha lokuthatha ikhefu emsebenzini, uphumle kwaye wonwabe. 

Kusapho lwam, iveki ezimbini zokuphela konyaka zibekelwa bucala ukuze sityelele ekhayakhulu kwamhakhulu wam kwilali encinci ebizwa ngeTerbrugge eMoletjie kwiphondo laseLimpopo, sisuka ekhayeni likamama eHammanskraal eTshwane. 

Esi sisithethe sosapho lwethu, ndazalwa kuqhutywa ngoluhlobo, kwaye akukhangeleki ngathi oku kungatshintsha. 

Kwaye lisiko nakwezinye izizalwane zosapho lwam ezisebenza kwamanye amaphondo, ezingafumani xesha lokuhlala ezilalini. 

Kuphela kwexesha esinalo unyaka wonke lokuba sihlale ndawonye. 

Olu tyelelo lukhethekileyo lusinika ithuba lokwenza umbulelo wethu esiwenza unyaka nonyaka, sibhiyozela impumelelo yonyaka sikwathandazela unyaka ozayo ukuba ube yimpumelelo. 

Ngeziholide kuxhelwa iinkukhu, ibhokwe kunye negusha njenge nxalenye yelisiko sele lineminyaka liqhuba. 

Kubantwana abancinci, usuku lweKhrismesi luthetha ukuba bazakunxiba iimpahla zabo ezintsha, bafumane ithuba lokuhamba hamba ezitalatweni kunye nabahlobo babo. 

Ngolusuku amanina apheka ukutya okumnandi, besenza iresiphi ezintsha ezibizwa ngemibala ezixhenxe.

Sonke sonwabela ukuhlala phantsi kwemithi yemarula sibaleka ilinga elitshisa ngokugqithisileyo eLimpopo. 

Elona thuba ndilonwabela kakhulu kukuhlala nomhakhulu wama oneminyaka engamashumi asibhozo anesine, endibalisela ngazo zonke iindaba zelali kunye nezopolitiko. 

Nangona ingqondo yakhe ibonakala ukuba iphinda emva ngoku, usakwazi ukuthatha ixesha abhale imibongo yethu yendumiso. 

Oku kuqinisekisa ukuba, nobangatshaba, sisala sinalo icwecwe esizakuthi sabelane ngalo nabantwana bethu. 

Kuleminyaka idlulileyo, bendisoloko ndinoloyiko lokuba lindilahleke icwecwe lam, kodwa ebutsheni balonyaka besinendibano yosapho, ndathatha isigqibo sokuba ndiligcine kwi-email ukuze lihlale likhuselekile. 

Umfanekiso ongasentla: Umakhulu wam uRose Makgolo

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Doreen Makgolo