Ndonwabela iiholide zeKhrismesi eVryheid eMondlo

Ngu Sibongile Nonyana

Eli lixesha lonyaka apho abantu behleli neentsapho zabo kunye nezizalwane, bebaliselana ngezinto ebezibonwabisa ngexesha lokukhula kwabo. 

Ngokwemvelaphi usapho lwam lusuka kwilizwe laseLesotho, kodwa abazali bam bafudukela eMzantsi Afrika eVryheid kwindawo yaseMondlo ngeminyaka yoo1970, kwaye kwixeshana emva kokuba befikile kweli ubhuti wam omdala wazalwa, elandelwa ngabantwana abathandathu. 

Ndikhule sizonwabela kakhulu iiholide zeKhrismesi kuba yayikukuphela kwexesha apho sinxiba iimphahla ezintsha sitye nokutya okukhethekileyo. 

Malunga nentsimbi yeshumi elinanye ngentseni yange Khrismesi, sasihlamba sitsho sinxibe iimpahla zethu ezintsha. Emva koko sihambe singena umzi nomzi sicela izipho zeKhrismesi, kwaye kwilali yam sasidla ngokuphiwa iilekese namaqebengwana. 

Ngoku iminyaka ihambile, nezinto zitshintshile, ukutya esasikutya ngosuku lweKhrismesi kuphela kutyiwa ntsuku zonke zeveki ngoku. 

Ngoku sizityela inyama eyojiweyo nosapho, kwaye abantwana abavumelekanga ukuba bangene umzi nomzi becela izipho. 

Ngenxa yokwanda kwenkohlakalo elizweni, asikwazi ukuthembana ngabantwana bethu, ngelishwa abantwana bethu abasakwazi ukonwabela iKhrismesi ngendlela esasiyonwabela ngayo sisakhula thina.  

Kuleminyaka mibini, iKhrismesi ayisafani njengoko ndalahlekelwa ngutata wam ngomhla wamashumi amabini anethoba ngenyanga yeKhala ngonyaka ka2020.

Ngalo lonke ixesha ndifika ekhaya ndivela eRhawutini ngelixesha lokuphela konyaka, ndisoloko ndikhumbula ukuba utata wam akasekho phakathi kwethu, kuba wayeliqhula kwaye sasibanexesha lika tata nentombi oku ingathi ndingumntwana okuphela kwakhe kuye. 

Kulonyaka zininzi izinto ekufanele ndibulele ngazo, kuba ndisifumene ngempumelelo isidanga sam seHonours ngenyanga kaTshazimpuzi kwaye ndazibhalisela ngempumelelo izifundo zam zeMasters.

Ukusebenzela iqonga leendaba iScrolla.Africa kundonwabise kakhulu kuba kundincede ndakwazi ukugqibezela izifundo zam, njengoko ndijonge ukuba ndifumane isidanga sobugqirha kwiminyaka embalwa ezayo. Izifundo zam zimalunga nokutolika intetho ngelwimi ezahlukeneyo kwaye ukusebenza njenge tolika kundinceda kakhulu. 

Ndithandazela ukuba unyaka ozayo undiphathele amathamsanqa, imali eninzi kunye nokonwaba