Ingaba ikhona iKhrismesi ngaphandle kosapho?

Ngu Zuziwe Ndokweni

Wonke umntu uyayiqonda ukuba iiholide zithetha ntoni kuye, kwaye bayiqonda mhlophe ukuba iKhrismesi iza na ntoni kwintsapho zabo, kubantu asebenza nabo, abahlobo kunye nakubudlelwane babo. 

Kodwa okubuhlungu yinto yokuba abanye bethu xabecinga ngeKhrismesi, sikhumbula intlungu yokulahlekelwa lilungu losapho, umntu esimthandayo okanye umntu owaye senza usapho luhlale luvana, emilisela ubunye.

Ndizibuza loomibuzo zonke iintsuku: ngubani ozobahlekisa, abonwabise, benze naye iinkumbulo, abanike uthando , abakhuthaze bafumane ulonwabo? 

Inye into endiyaziyio kukuba abo balahlekelwe ngabantu babo ababathandayo, bazohlala bezigcinile zonke iinkumbulo ababe nazo nabo ngethuba besaphila. 

IKhrismesi yalonyaka ndizakuyitya nisapho lwam lwecala lakulo mama. Ingathi ayisafiki nayo ndide ndibone ulonwabo kumalume wam uOne Tooth, esibalisela ukuba yena nomama bebemosha kangakanani na besakhula. 

IKhrismesi ifika kanye kuphela ngonyaka, kodwa kutheni kufuneka silinde ixesha elide kangaka ukuze sibone amalungu eentsapho zethu akude? Enye yezinto endizifundileyo ngexesha lika bhubhane kukuba ubomi bungaphela nje ngemizuzu. Ndifuna ukuqinisekisa ukuba ndonwabela lonke ixesha ndihleli nosapho lam – hay kuphela ixesha leKhrismesi.

Ndiyababulela abo bangazange balahlekelwe ngumfutho weKhrismesi, ngaphandle kwezinto abaphulukana nazo okanye iinzima abajongene nazo. Aba baziva benemincili kukuvulwa kwebhokisi yamaqebengwana, bonwabele iimpahla ezintsha kwaye bapheke ukutya okumnandi.