Xa kuthethwa ngeKhrismesi kuthethwa ngolonwabo, ukutya okumnandi kunye nempahla ezintsha!

Ngu Anita Dangazele

Kum ixesha leKhrismesi lixesha lolonwabo, ukutya okumnandi, ukubaliselana ngamabali eedolophu ezinkulu nabazala bam. Yhu ndingayilibala njani imincili yokunxiba iimpahla ezintsha ngeKhrismesi?

Ixesha leKhrismesi kum lalisoloko lithetha ukuba kuzakugcwala ekhaya, abazala bam bonke bekhona, omalume kunye noomakazi besibalisela amabali eKhrismesi ngexesha lokukhula kwabo.

Eyona ngcinga isahleliyo engqondweni yam endinika ukonwaba ngoku sendimdala, yindlela umama wam wayewavala ngayo lamabali, asinike into esinokuyifunda kwibali ngalinye. Nangona ngelaxesha ndandingaqondi ukuba ithetha ukuthini lonto. 

“Amagwinya, isonka sevenkile, ibhotolo yamantongomane, ijam  kunye nebhotolo yokuqaba isonka yayizizinto esasizonwabela ngexesha leKhrismesi kuphela. Ngako ke bulelani kuba elenu ixesha lohlukile,” wayedla ngokutsho.

Ngenxa yoku, ndikhule ndakuxabisa ukubulela, kwaye ndibulela nezinto ezincinci ebomini. 

Umama wayedla ngokusibalisela ngeenzame ababezenza bezama ukuchenkcezisa okanye ukubandisa ijelly ngobusuku, bayibeka phakathi kwemiqolo yombona egadini ukuze ifumane ukubanda, kunye nendlela ebabesolula iinwele zabo besebenzisa ilitye elitshisayo ngentseni yangeKhrismesi. 

Wayebalisa lamabali ngendlela eyayisenza ukuba ubani abenomfanekiso ocacileyo ngabalinganiswa kunye nezinto ababezenza.

Sele kuphele iminyaka emihlanu walandulelayo eli, kwaye iKhrismesi ayisafani. Akukho mntu unolangazelelo lweKhrismesi kusapho lwam oko wathi wasishiya. Oomakazi bam badla ngokuthi yayinguye owayeququzelela ubunye esenza sibebanye. Asikaphinde sibenayo indibano yeKhrismesi kule minyaka mihlanu. 

Kodwa kulonyaka kohlukile, kuba ndizakuyichitha ngendlela eyohlukileyo iKhrismesi.

Umhlobo wam osenyongweni uyatshata. Utshatela kusapho oluhlala ezilalini, oluthanda ukwenza izinto zamasiko asezilalini ngendlela yasezilalini, kwaye undicelile ukuba ndimkhaphe, njengoko eyoqala ubomi obutsha nosapho lwakhe olutsha.

Njengoko,  isiko lamaXhosa limvumela umakoti ukuba aze nomhlobo wakhe ozakumncedisa kwimisebenzi yakhe xa efika emzini.

Ndonwabe kakhulu ndizakuphinde ndityele iKhrismesi ezilalini kwakhona. Ewe kona izinto zitshintshe kakhulu ukusukela ngexesha lokukhula kwam ezilalini. Ilali ngoku sele zithathe izinto zasentshona, kodwa ukuchitha iKhrismesi ezilalini kundonwabisa kakhulu, ungafunga uthi ndizakuyonwabela ngendlela umama wam awayeyibona ngayo. 

Umfanekiso ngasentla: Usapho ludibene kulungiselelwa uTsiki ozakwenziwa ngosuku lweKhrismesi.

IMvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe