
Ngu Zavela Makwabe
Ukusweleka kuka mama wam ngenyanga yoMqungu kunyaka ka2021, kwatshintsha yonke into ebomini bam.
Kwakungathi ndombelwe umngxuma ndagqunyathelwa ngengubo esindayo. Ndachitha unyaka wonke ndisentlungwini endingaziyo ukuba izakuphela njani ndade ndabona sele ndifikele kwiKhrismesi ngaphandle kwakhe.
Umama wam wayeyithanda kakhulu iKhrismesi, ukutya, izipho kunye neempahla yayizizinto zakhe. Njengoko kufikelela ixesha leholide, bendisoloko ndinentshisakalo yokugcina zonke izinto ebedla ngokuzenza nosapho kuba inye into esivumelana ngayo kukuba, ubengenothanda ukusibona sidakumbile ingakumbu ngexesha leKhrismesi.
Ndandisemdleni wokuqinisekisa ukuba iKhrismesi yethu ifana nexesha esaphila, ndathenga zonke izinto ezikuluhlu endizakuzithenga kwangethuba. Ndachitha imini yonke eyandulela usuku lweKhrismesi ndisenza ezinye zezidlo ebezithanda ngumama.
Ndikholelwa ukuba ndazama ukuzenza ngempumelelo ezizidlo. Kodwa kwakungekho lula ngendlela awayesenza kubukeke ngathi kulula yona. Ngoncedo lwentombi yam (eyayineminyaka emithandathu), abantakwethu sahlala satya isidlo seKhrismesi sincokola kumnandi sihleka.
Noxa kunjalo, nalontsini sasiyihleka yayigoqoza – nditsho nasezindlebeni zam. Leloxesha kanye apho yavakala ngamandla indawo ka mama. IKhrismesi soze iphinde ifane kwakhona!
Kodwa oku kwandenza ndayiqonda into yokuba kufuneka size neendlela ezintsha zokuvuselela iKhrismesi siyenze ibe yekhethekileyo kwakhona.
Kulonyaka sinethemba lokuba isiqalo esitsha sizakuza nommangaliso weKhrismesi. Oku kuzoqala ngotshintsho kwizidlo esizakuzitya, kungoku nje andifuni konwaba kakhulu ndingafuni nokulindela lukhulu. Kodwa eli lixesha lokuba sonwabe.
Kum unyaka ka2022 ibingunyaka wokubhiyozela uthotho lwezinto ezincinci endiphumelele kuzo, ukwamkela umntu endinguye, ukuba namandla okudlula kwiintsuku ezimbi, ukubhiyozela ukwenza izinto ekufanele ndizenzile kodwa okubaluleke kuko konke kukuba ibingunyaka wokuzama ukuphila nokuxola.
Ndilindele ukufikelela kwikhrismesi emyoli kunye nonyaka omtsha oza nempilo entle unyaka ka2023.