
Ngu Sizwe Sibiya
Kunyaka ophelileyo ngenyanga yeThupha, uSizwe Sibiya owayengumsebenzi weqonga leendaba iScrolla.Africa walandulela eli eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu kuphela. Le yincwadi awayibhala kanye ngelixesha kunyaka ophelieyo, malunga nexesha leKhrismesi alichitha eVolksrust, idolophu encinci kwiphondo laKwaZulu Natal apho wayekhulela khona.
Ndingamangaliseka ukuba wakhe weva ngeVolksrust. Yidolophana encinci kuhola wendlela uN11 ethatha abatyeleli abasuka kwintshona yephondo laKwaZulu Natal ibase emantla kwiphondo laseMpumalanga.
Isikhululo sikaloliwe sakudala esingasasebenziyo, siso esohlula umda phakathi kwelokishi yabantu abamnyama iVukuzakhe kunye nenkaba yedolophu.
Iilokishi ezikumgangatho ongcono ezihlala abantu abamhlophe ezingqonge inkaba yedolophu ziyabonakala ukuba ziyaguga. Kufutshane nesisikhululo sikaloliwe zizindlu ezimbalwa zesibonelelo sikarhulumente ezinamagumbi amabini apho kuhlala khona abantu bebala ikakhulu.
Abantu abadala baselokishini babalisa amabali okuba kwenzeka njani ukukhula kwaledolophu ingqongwe sisikhululo sika loliwe, esavula amathuba emisebenzi kubantu abaninzi belali ezongqongileyo abaphela behlala kuledolophu sele ilikhaya labo.
Ngaphandle nje kwemvalephi yocalucalulo, kwelixesha sikulo uzakufumana abona bantu bapholileyo nabamkelayo kweli – nokuba besazi isandi sompu kunye nokubona isidumbu esidandalaze endleni.
Imo edandathekisayo yobhubhane weCovid 19 ifikelele naseVolksrust, ibangele uloyiko nokungathembani kubahlali.
Ndiseyinkwenkwe, ndachitha iminyaka yam yokukhula kuledolophu, kwaye usuku lwekhrismesi yayilusuku olwalumnandi kakhulu ngeziholide.
Sisakhula sasibona imithi yeKhrismesi inebhokisi ezihonjisiweyo zogqunyiwe ngaphantsi kwayo. Ndiyaze kamva ukuba kwakuzizipho zeKhrismesi – izipho esingazange sazibona emakhayeni ethu okanye kweminye imizi elokishini.
Kuba ndandingazange ndiye kwaseCaweni, ndandingazi nokuba ngeKhrismesi kubhiyozelwa ukuzalwa kuka Yesu.
Ngosuku olukhulu kwakufuneka sivuke ngentseni, kuba wonke umntu wanendima ekufuneka eyidlalile ukwenza olusuku lube lolukhethekileyo enyakeni.
Ekhayeni lika tata wam, yayingumsebenzi wamakhwenkwe ukuqinisekisa ukuba iyadi icocekile, ngelixa amanina ecoca indlu elungisa isidlo esikhulu.
Xa sigqibe umsebenzi, bonke abantwana bazakubuyela emakhayeni abo beyohlamba ngaphambi kwesidlo esikhulu. Sonke sasibuya sinxibe “impahla ezintsha zeKhrismesi”, ngamanye amaxesha ufumanise ukuba yonke into intsha ukusukela elunyaweni ukuya entloko, kuxhomekeka ekubeni usapho lwakho yeyiphi into elikwazi ukukthengela yona. Uninzi lwethu kwakukuphela kwempahla ezintsha esibanazo unyaka wonke.
Eyonanto yayibalulekile kolusuku kubantwana yayikukutya konke ukutya esasikufumana. Sasiqala sitye isidlo sasemini ekhaya nabahlobo bam, siphume siye kwamakhelwane apho sifumana amaqebemgwane eKhrismesi.
Ngenjikalanga sasizibona sesifikelele emzini womama nje esingakhange sicebe ukuya kwakhe, ufumanise ukuba akanabo nabantwana, asiphe izidlo ezibandayo zokugqibela luphelele usuku lwethu. Sasisitya sishiye okwanele ukuba sigoduke nako.
Ngokuhlwa sasiqiniseka ngokugoduka, siphethe iilekese ezipokothweni zethu kunce noncumo ebusweni bethu olwalusithatha siye kufikelela kunyaka ozayo.
Umfanekiso ongasentla: Idolophana encinci yaseVolksrust, apho uSizwe wayesuka khona
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe