
Ngu Razeen Gutta
Eli lelona xesha limnandi enyakeni, kwaye lasoloko limnandi. Kodwa lo unyaka wohlukile ngokuba ngunyaka wokuqala ndiphangela isigxina kwiqonga leendaba iScrolla.Africa.
Kum ixesha leeholide lalisoloko ilelokuchitha ixesha nosapho. Ndizihlalele kwidolophu endizalwa kuyo iMafikeng, kwiphondo loMntla Ntshona, ngazo zonke iiholide zokuphela konyaka, ndibukele imiboniso bhanya bhanya yeKhrismesi, sitshise inyama kufuphi nephuli yokudada sibukele ubuhle bokutshiswa kweeCricket esibhakabhakeni sisamkela unyaka omtsha.
Njengoko uphela unyaka ka2022 iholide zifikile, ndinethemba lokwenza lonto nakwelixesha leKhrismesi.
Ngaxesha nye inkqubo kacimicimi wombane – yingxaki ejamelene nabemi belizwe loMzantsi Afrika kulonyaka, abanye bakhethe ukuba batyelele ezinye iindawo ngelixa uninzi lunyanzeleke ukuba lutshintshe izicwangcwiso zalo.
Mna ndikholelwa ukuba lemeko izakubangcono, kwaye iiholide zizakwenza wonke ubani onwabe kwindawo akuyo.
Ukuphela kwendebe yehlabathi yeFifa ebibanjelwe eQatar, kusashiye umfanekiso ongapheliyo emgqondweni yam, njengomntu obhala ngezemidlalo, izicwangcwiso neengcinga zam aziphelelanga ndingakhange ndithethe ngebhola ekhatywayo, nemidlalo elindelekileyo xasijionga phambili.
Indebe yebhola ekhatywayo iPremier League ndiyibona idlala indima enkulu kulonwabo lweholide zokuphela konyaka. Ingakumbi njengoko kulindeleke ukuba iqalise ngosuku lweBoxing day emva kokuba ithathe ikhefu yenyanga yonke.
Ukanti indebe yehlabathi ibe lulonwabo olumangalisayo, kodwa njengomlandeli omkhulu weqela iLiverpool, ndikujonge ngamehlo abomvu ukuba ndiphinde ndibukele imidlalo yebhola ekatywayo yamaqela kwakhona.
Kubo bonke abaxhasi abafunda amabali ethu, ndinethemba lokuba zonke izicwangcwiso zenu zizakuba yimpumelelo, kwaye ndininqwenelela iiholide ezimyoli. Soze nihambe nodwa sikhona.
Umfanekiso ongasentla: Ngu Razeen Gutta
Imvelaphi yomfanekiso: @razeengutta