
Ngu Songeziwe Mapukata
UNtsika Madladla walahleka kwiyure ezimbalwa emva kokuba ekhululwe kwisikolo solwaluko, njengoko isisithethe saseQweqwe phantsi kwedolophu yaseMthatha ukuba ingcibi imkhulule umkhwetha ukuba ayokuphilela kufutshane ne Khaya lakhe.
UNtsika oneminyaka engamshumi amabini ananye, walahleka kwiveki ezintathu ezidlulileyo ngethuba ecele ukuya kwindlu yangasese, etyholweni. Njengoko iqonga leendaba iScrolla.Afrika laliyifakile lengxelo, wakhatshwa likhankatha lakhe ngethuba esiya kwelityholo.
Kwezintsuku zingamashuni amabini anaye elahlekile lomkhwetha uthi wahamba ngenyawo elala endleleni esuka kwilali yaseQalabe eMthatha esiya Emachibini ekomani.
Elambile, enxaniwe kwaye elimele, uNtsika wahamba waya kufuna indawo yokuhlala kumalune wakhe.
Umalume uStoto Nkanunu uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba umtshana wakhe wathi gqi emnyangweni wakhe, ngokuhlwa kwangoMvulo.
“Ndeva kunkqonkqozwa emnyango emva nje kokuba nditye isidlo sangokuhlwa kwaye ndathi ndakusukuma ndaya kuyovula ucango, ndambona. Emva kokuba engenile ndabuya ndakhanyisa izibane ukuze ndiqinisekise ukuba amehlo amakandiqhathi,” utshilo uStoto,
Utata kaNtsika uGcinikaya Mdladla uthe unyana wakhe ukhangeleka ephazamisekile engqondweni, unamaqhakuva angaqhelekanga emzimbeni wonke kwaye ukhangeleka ediniwe kakhulu.
Uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba bazakuthatha uNtsika bamse kuGqirha aye kufumana ukuxilongwa ngokwezempilo kunye nonyango.
Oku kuza emva kokuba lendodana ubhengeze ukuba yabalekela ukusindisa impilo yayo kuba kukhona into engaqondakaliyo eyenzekayo kuye ngobusuku awalahleka ngabo.
“Waphatha phathwa kabuhlungu kwilungu lakhe lobudoda. Utyhola ngelithi ikhankatha eli lalimgadile lambamba izandla zombini ngasemva, ngethuba umhlobo walo wayemphatha phatha ubudoda bakhe,” utshilo uMdladla.
Lomkhwetha waxelwa njengolahlekileyo emva kokuba ecele kwikhankatha lakhe ukuba ayekuzinceda etyholweni ngobusuku.
Ngokuka tata uMdladla, uNtsika uthe ubuhlungu babunga nyamezeleki ngenxa yendlela waye phatha phathwa ngayo; wayecingela ukuba bayambulala kwaye waqonda ukuba kufuneka ebalekile angaphinde ajonge ngasemva.
Ngaphendle kwengxaki adibene nayo umfana, kweziveki zintathu zidlulileyo, usapho luthi luzakuqhuba nezicwangciso zokwenza umgidi bebhiyozela ubomi bakhe ngomhla wesixhenxe kwinyanga yoMqungu.
Umfanekiso ongasentla: NguNtsika Mdladla
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe