Imaxongo imeko yamaxhoba eempuphuma kwiphondo laseKZN

Ngu Lungani Zungu no Celani Sikhakhane

Sele kuphele iinyanga ezisibhozo kwadlula iimpuphuma ezahlasela kwiphondo laKwaZulu Natala nephondo leMpuma Kapa ngenyanga kaTshazimpuzi, kodwa amakhulu khulu eentsapho ezachaphazelekayo azakutya iKhrismesi zibhudlwa yimimoya nengqele. 

Kuleveki, uninzi lweentsapho zaseNtuzuma kwaSection F eThekwini, ziphinde zasala zingenandawo yokufihla iintloko ngethuba iintente ebezihlala kuzo ukusukela ngoApril, zithe zakhukhuliseka zizikhukhula ezifike ngesaquphe. 

Oku kubangele ezi ntsapho, nalapho uninzi lwazo ingabantwana abancinci, zikhangele indawo yokuhlala kwiholo yoluntu lwasekuhlaleni apho bazakuchitha khona iKhrismesi yabo. 

Abo bachaphazelekayo bakhalaza ngendawo exineneyo, nemeko engacocekanga abahlala phantsi kwayo jengoko kunyanzelekile ukuba babelane ngendawo yokuhlala evulekileyo. 

“Ndithetha nje nawe asinalo ixesha labucala. Kunyanzeleke ukuba uhlambe ngaphambi kwamadoda, utshintshe impahla zakho phambi wabantwana abanyanzeleke ukuba mababone lemeko ingentlanga yobomi esiphila phantsi kwayo,” utshilo uThandi Ngcongo, omnye wabahlali abahlala kwezi holo. 

USibonelo Mkhize uthe iintente bezingcono kuba ubunalo ixesha lakho labucala, kodwa ngoku akusekho njalo njengoko behlala eholweni.

“Andinothi ndikhetha ukuhlalala ententeni ubomi bam bonke, kodwa bekungcono kuba ubunalo ixesha labucala kunalapha.”

Uninzi lwabahlali batyhola urhulumente wephondo ngokurhuqa iinyawo malunga nokubabeka kwizindlu ezifanelekileyo. 

“Oko bemane befika benze izithembiso. Abantu baphantse bafa kwakhona kuleveki ngethuba kusina imvula ezinkulu ezisinyanzelise ukuba siphume kwintente. Le izakuba yi Khrismesi engacacanga kuthi,” utshilo uMkhize.

Omnye wabahlali uSbusiso Dlamini uthe: “Abezopolitiko bayafika apha bathathe imifanekiso nathi, benze izithembiso ezinkulu ukuze kuphumelele izinto ezifunwa ngabo kunye nodumo lwabo.”

UDlamini uthe akukho nomnye usopolitiki onokubakhupha kule meko. 

Urhulumente wombutho weANC kudala urhuqelwa eludakeni ngamaqela aphikisayo malunga nemeko ahlala kuyo amaxhoba eempuphuma. 

NgoLwesibini, inkokheli yombutho weEFF kwiphondo laKwaZulu Natal ngokukhokhelwa ngunobhala wabo uMarshall Dlamini, batyelele amaxhoba bawanika ipasile zokutya belungiselela iKhrismesi. 

Uphinde wamemelela amaxhoba ukuba athathe umhlaba ohleli nje ongasebenziyo. 

“Siyanibongoza ukuba nikhangele umhlaba ongenanto, niwuthathele kuni nihlale kuwo ukuze banakhele izindlu.

Noxa kunjalo,  oku kungabangela ukwrithakwrithano phakathi kwabanikazi bomhlaba kunye namaxhoba, njengoko oku sekwenzekile kwimimandla efana naseReservior Hills kweyeDwarha, ngethuba amaxhoba eempuphuma ezingenela kwisakhiwo esingasetyenziswayo.  

Usodolophu womasipala waseThekwini uMxolisi Kaunda ubhengeze kutsha nje ukuba imali efikelele kumashumi amane anesithandathu ezigidi ibekelwe bucala ukuncedisana namaxhoba eempuphuma. 

Amanye amaxhoba abhenele ekubeni ahlale ngokungekho mthethweni kwisakhiwo senkampani iTransnet  eMontclair. 

Umfanekiso ongasentla: Intente ezikhukhuliseke kuleveki zizikhukhula  eNtuzuma

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe