Ime ngxi kwakho inkqubo yolwabiwo mali ngenxa “yeengxaki”  

Ngu QueenEsther Iroanusi

Abaqulunqi bomthetho kwilizwe laseNigeria bayirhoxisele unyaka ka2023 intetho yohlalo lwabiwo mali ngenxa “yeengxaki” ezifunyanisiweyo kwezezimali. 

Umongameli uAhmad Lawan ukubhengeze oku ngethuba kuqalisa intlanganiso yezi cwangcwiso ngolwesine. 

Uthe abaqulunqi bomthetho abakwazi kulupasisa olu lwabiwo mali kuba “lufike neengxaki” ezathi zafunyaniswa yikomiti yolwabowo mali kwindlu yowisomthetho. 

“Umqulu wekomiti yolwabiwo mali ufike kwindlu yowiso mthetho  uneengxaki ezibonakele ngethuba ikomiti yethu yolwabiwo mali kwindlu yowiso mthetho kunye nabo basimeleyo bezame ukungqamanisa amanani ngokwezinto ezenziweyo nezo zivele kwingxelo yemisebenzi.”

“Iingxaki ziqale emva kokuba kuye kwabonakala ukuba akukholula ukuzisombulula, kuye kwanyanzeleka ukuba ikomiti iqalise inkqubo yokucoca lo mqulu, Lenkqubo iquka ukuthetha thethana namalungu kuba lengxaki izengawo. Kwaye lekomiti igqibe lomsebenzi kusuku lwaphezolo,” uchazile. 

Ukanti khange azichaze ncakasana ezona ngxaki bahlangabezene nazo kolulwabiwo mali. 

ULawan usuke waxelela oogxa bakhe asebenza nabo ukuba unobhala khange akwazi ukugqiba ukulungisa lengxelo. Kwaye ngeke bakwazi ukuba benze ingxelo ngayo kwanamhlanje, okanye ngomso, hayi nangomvulo okanye ngolwesibini kuba kuzakube kuyi holide.”

“Nto leyo ithetha ukuba singayifumana, kwaye siyijonge ngolwesithsthu umhla wamashumi amabini anesibhozo. Kwiveki ezayo,” utshilo.

Ngenyanga yeDwarha, umongameli uMuhammunda Buhari, wenza intetho yolwabiwo mali  elinganiselwa kuN20.5 trillion yonyaka ka2023.. 

Ngelixa uLawan ezidla ngokuba indluyowiso mthetho yetyeli lethoba yenze umsebenzi omkhulu ukodlula ezingaphambilu, ngaphambi nje kokuba unyaka uphele, uthemba ukuba oku kuyakuhlala kuyinto abazingca ngayo. 

Umongameli emva koko uyichithile lentlanganiso, ukuvumela ikomiti elifanelekileyo ukuba ziqhubeke  omsebenzi wazi

Abaquluinqi bomtheytho kulindeleke ukuba baohinde badibane emva kweKhrismesi, bapasise ulwabiwo mali lonyaka ka2023 kunye nezinye iingxelo ezibalulekileyo’

Umfanekiso ongasentla: Umongameli waseNoigeria uMuhammandu Buhari

Imvelaphi yomfanekiso: Premium Times