
Ngu Lungani Zungu
Iiholide zokuphela konyaka zithetha into enye kum: ukuba ndishiye isiphithiphithi nengxolo yaseThekwini, ndisingise ekhaya eMndeni apho ndifumana khona ukuphumla.
Ilali yam iMhambuma engqongwe ziinduli, ikumgama wekhilomitha ezilikhulu namashumi amabini kumantla edolophu yaseThekwini, kwiphondo laKwaZulu Natal.
Kumgama wekhilomitha ezimbalwa nekhaya lam, ngumlambo uMsunduzi, ogqitha ngaphambili kwekhaya lam.
Lo mbono ukhwankqisayo, uzele kukuntyiloza kweentaka, uyamangalisa kuye nabani na obekwidolophu exakekileyo njengaseThekwini unyaka wonke.
Njengazo zonke iintsapho, iKhrismesi isoloko yonganyelwe ngumsebenzi omninzi kusapho lwam. Nalo unyaka awunamehluko.
Iveki eyandulela iKhrismesi iqala ngokuba amanina alungiselele ukusila umqombothi – utywala besintu obunegwele buthatha iintsuku ezintlanu ukuba bulungele ukuselwa.
Ngosuku lweKhrismesi, ngelixa amadoda esela umqombothi, amanina axova intlama elungiselela ukupheka amadombolo azakutyiwa nenyama yebhokhwe.
Ngexesha kusenzeko oku, amadoda ebe vuke ngonyezi asukube egqibile ukupheka inyama yebhokhwe ebixhelwe ngezolo.
Kuba sisidlo esikhulu sonele wonke umntu – kuquka neendwendwe kunye nabamelwane.
Ngentsasa yoSuku lweKrisimesi, amakhaya amaninzi aqgunywe ngumsi ophuma eziko njengoko besebenzisa iimbiza zesintu ezinemilenze emithathu.
Ukuhlala sidibene sonke silusapho kusoloko kumnandi njengoko uninzi lwamalungu osapho lwam betyelela kanye kuphela ngonyaka ekhaya, ngenyanga yoMnga kuphela.
Iinkonde zosapho zisebenzisa elithuba ukubalisa ngeziganeko ezimangalisayo zempi phakathi kwelali ezazisilwa kulommandla.
Noba ungalibaliselwa kaninzi kangakanani na ibali, lisoloko livakala lilitsha ngalolonke ixesha libaliswa kwakhona.
Yhoo, ifika kade nale Khrismesi.
Umfanekiso ongasentla:
Imvelaphi yomfanekiso: