
Ngu Tladi Moloi
Intlanganiso ekhethekileyo yebhunga lo masipala asekuhlaleni iMalu-aPhofung, ebibekelwe ivoti yokuphelelwa lithemba ngakusodolophu, usomlomo webhunga kunye nombhexeshi webhunga, iphelele emoyeni.
Le yintlanganiso yakutsha nje, uninzi lweentlanganiso ebezikhe zabizwa ngaphambalili nazo azizanga nasisombululo ngenxa yokungavisisani okanye ukungafiki kooceba ukuze kuxoxwe lo mba.
Ukanti intlangasio ebekulindeleke ukuba ihlale ngoLwesine kwiholo ePhuthaditjhaba kwiphondo laseFree State yohlulekile kukwanelisa umgqaliselo wenani lamalungu afanele ukuba abeyinxalenye yayo.
Ngenxa yalonto, usomlomo uParatlane Motloung uthe wayirhoxisa.
Ukurhoxiswa kwalentlanganiso kuthetha ukuba uMotloung, usodolophu uGilbert Mokotso kunye nombhexeshi uMoeketsi Lebesa bombutho iMap 16 Civic Movement ekhokhele amaqela alawula lomasipala ngentsebenziswano neminye imibutho basindile kwakhona ekususweni kwezizihlalo.
Esisiphakamiso savezwa ngumbutho weANC, kodwa amanye amalungu alombuitho ohlulekile ukuza kulentlanganiso
Ooceba bombutho iMap 16 Civic movement ababekhona ngethuba kulindeleke ukuba kuqhube lentlanganiso, bakhetha ukuba bangayi kwiholo yokuchophela lomba ukuze lentlanganiso ingaphumeleli.
UMotloung uthe uyinqumamisile lentlanganiso kuba, inani Labantu belingavumi ukuba iqhube.
“Imithetho nezinye izikhokhelo zithi ukuba aloneli inani labantu elidingekayo ukuze kuqalise intlanganiso, singalinda imizuzu engamashumi amathathu nagaphezulu, kodwa ukuba elinani aloneli, usomlomo unalo ilungelo lokuba ayimise,” utshilo.
Uthe uzakuphinde ayibize lentlanganiso ukuba ihlale kwiveki yesibini yenyanga yoMqungu ngonyaka ka2023.
Umthombo othembekileyo uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ooceba bombutho weANC ebebeyinxalenye yalentlanganiso batyeshele umyalelo abawufumene kwinkokheli zalombutho, njengoko beyinxalenye yeqela eliphikisana noRamaphosa.
“Bawutyeshele umyalelo abawufumene kwinkokheli kuba babexelelwe ukuba mabasixh esisiphakamiso ngaphambi kokuba kuyiwe kwinkomfa yonyulo kazwelonke. Babecingela ukuba uRamaphosa uzkuphuma esihalweni yiyolonto babengamameli,” utshilo lo mthombo.
Umbexeshi wombutho weANC uMandlenkosi Dlamini uthe abanye oceba balombutho baxelelwe ukuba bangazi kwintlanganiso yebhunga. Noxa kunjalo, uthe bebenethemba lokuba bazakuzisusa esihlalweni inkokheli eziphambile kulomasipala.
UDlamini uthe, abazikusirhoxa kwisiphakamiso sabo, watsho esithi abanye babo bakulungele ukuba bagxothwe.
Uqinisekisile ukuba, ngaphambi kokuya enkomfeni yombutho weANC, babexelelwe ukuba mabasirhoxise esisiphakamiso kodwa zange bawulandele lomyalelo.
Aziel Nhlapho, ongumququzeleli wombutho iMap 16 uthe, khange baye kwiholo yentlanganiso kuba inani labantu ebebecele lentlanganiso belingonelanga.
“Besingenawo umdla wokuhlala intlanganiso yanamhlanje, kodwa besize kuba usomlomo esinike izaziso. Uxwebhu lwesisiphakamiso lwatyikitywa ngooceba abangamshumi amathathu anethoba , kodwa uninzi lwabo belungekho,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Iholo engenamntu yasePhuthafitjhaba eQwaqwa
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Tladi Moloi