Amadoda ondla iintsapho zawo onwabela iKhrismesi nemisebenzi yawo

Ngu Lungani Zungu

Unyaka wonke bebesebenzela ukuzophula umqolo ukuze bondle iintsapho zabo, kodwa ngelixesha lo nyaka la madoda akwilali yaseMashunka eMsinga aphethwe okwamaqanda kubhiyozelwa ukubuya kwawo esaphilile. 

IKhrismesi nekhrismesi la madoda ondla iintsapho zawo enza umngcelele kwizitalato zaseMsinga kwiphondo laKwaZulu Natal eMidlands benxibe iimpahla zikanokutsho ezifanayo.

La madoda anxiba ingqokelela yempahla ezibizayo zemfashoni ukusukela kwisihlangu sohlobo lweCarvela ukuya kwibhulukhwe zeBrentwood. 

Njengoko betshintshana ngokuhamba hamba ezitalatweni benxibe iimpahala ezifanayo, amanina kunye nabanye ababukeleyo baya yiyizela bebonakalisa intlonipho. 

Lo msitho ubanjwa minyaka le ngosuku lweKhrismesi kubhiyozelwa ukubuyela makhaya bephila kwabondli zintsapho(Bread winners) emva kokusebenza nzima unyaka wonke besondla iintsapho zabo, bekude namakhaya bethe saa kulo lonke eli. 

USipho Ngcobo – osebenza eJohannesburg, kumgama ongaphezu kweekhilomitha ezingamakhulu amane ukusuka ekhaya – uthi lomsitho umkhuthaza ukuba asebenze nzima nagakumbi. 

“Kuyonwabisa ukunconywa kubonakaliswe uthando xa usenza into entle. Ingathi akafiki ulwesihlanu ukuze ndihambe ndiyokuchithela ikhrismesi ekhaya.”

Inkosikazi yakhe, uNonhlanhla, uhlala nomama wakhe kunye nabantwana babo. “Ngumsebenzi wam ukubanakekela njengendoda yekhaya, njengoko utata wam sele walandulelayo eli”. 

Uthe lomsitho waqala kancinci, njengendibano yamadoda asebenza kude kunamakhaya. Ukusukela apho, yakhula yaba yilento iyiyo namhlanje, njengoko abantu basekuhlaleni bengafuni kuphoswa ngulomnyhadala. 

“Lo msitho ukhuthaza amadoda ukuba ondle iintsapho zawo ngethuba ezivisa kamandi kwawona. Masithenge izinto ezifana notywala, impahla emva kokuba thengela izidingo zeentsapho zethu,” 

Umfanekiso ongasentla: IBreadwinners zaseMsinga

Imvelapho yomfanekiso: Uthunyelwe.