Zonwabela impepho yolwandle iinkomo zaseSajonisi

Ngu Buziwe Nocuze

Ulwandle lwaseSajonisi isecond beach, kunxweme lwephondo leMpuma Kapa lwaziwa ngokuba lolunye lwamalwandle anobungozi kwihlabathi liphela ngenxa yeziganeko zokutyiwa kwabantu ngookrebe kolulwandle. 

Kodwa abahlali balwazi ngendlela eyohluke kwaphela kwindlela abatyeleli abalwazi ngayo. 

Ngethuba abantu abaze kolulwandle besonwabela impepho yolwandle, iinkomo zibonakala zizipholele nazo kolunxweme. 

Omnye wabahlali uZukile Mgoduka uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ngethuba eqala ukutyelela kolulwandle, waphantse wabaleka ngethuba ebona ezinkomo zithanda ulwandle zihamba hamba kufutshane nonxweme. 

“Ndaziva ndingakhuselekanga kuba siyayazi sonke ukuba iinkomo ziyathanda ukuleqa abantu, kodwa ezi zohlukile. Ukuhlala kufutshane nolwandle kuzenze zaphola kwaye akukhomntu zimkhathazayo,” utshilo uMgoduka. 

Uthe wayengazi ukuba iinkomo ziyakwazi ukuhamba kwintlabathi eyisanti yaselwandle. “Ezii ziinkomo zipholileyo endakhe ndazibona, zizihlalela ecaleni kolwandle zonwabele impepho yolwandle.”

“Ndiqinisekile inyamayazo imnandi kuba zinkomo ezonwabileyo,” uqhule esitsho.   

ULuthando Homoyi uthe ezinkomo azifane zigule. 

“Zisoloko zisemandleni kwaye zomelele kuba aziguli, ukuhamba hamba elwandle kuyazinceda. Zitya lengca ikufutshane nolwandle kuba inencasa eyohlukileyo kwingca ekhoyo ezilalini kwaye isoloko iluhlaza.”

“Ukuzibukela kuyamangalisa. Akukho kwanto ziyenzayo ngaphandle kokubukela amaza, kwaye ziyabonakala ukuba ziyakonwabela oku. Ulusu lwazo lohlukile kuba zisempilweni.”

Umfanekiso ongasentla: Iinkomo zonwabele umoya wolwandle second beach eSajonisi, kwiMpuma Kapa

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze