
Ngu Lungani Zungu
UNokuthokoza Sibisi osandula kuvuma intwaso tyhola ngelithi ugxothiwe kumzi mveliso wezihlangu oseThekwini emva kokuba eye emsebenzini enxibe iintambo zesiko lakhe kwizihlahla zakhe zozibini.
Kungoku nje uSibisi osuka kwindawo yaseSiphingo kumazantsi eTheku ungomnye wezigidi zabemi beli abangaphangeliyo emva kokgxothwa emsebenzini yinkampani ishoe Kings.
“Kubuhlungu kakhulu kuba khange ndophule mthetho okanye imigaqo nkqubo yenkampani. Kodwa ndigxothelwe ukwenza amasiko am,” utshilo.
Lo kaSibisi uxhele iibhokhwe ezine ngomgqibelo ngokuhambiselana nobizo lwakhe kwaye wanxiba iziphandla (iintambo zesiko lakwaZulu) ezenziwe ngesikhumba sebhokhwe kuzo zozibini izindla zakhe.
Ngomvulo wavuka waya emsebenzini onwabe kakhulu emva kokuba umcimbi ube yimpumelelo.
Kwisithuba sasemini emaqanda uthe umanejala wakhe uRick Naidu ufike kuye wamxelela ukuba abanye abasebenzi bayakhalaza ngenxa yevumba elibi elibangelwa ziziphandla ezenziwe ngesikhumba sebhokhwe.
Lo manejala umxelele ukuba makakhethe, phakathi kukukhulula iziphandla okanye aphume aphele kule nkampani.
“Undixelele esithi zikhuphe okanye uhambe kulomzimveliso. Ndimxelele ukuba andizukwazi ukuzikhupha. Ndaphinda ndamxelela ukuba andizukwazi ukushiya umsebenzi.”
Into eyenzeke ngokulandelayo imothusile uSibisi.
“Undixelele ukuba mandigoduke kuba ndigxothelwe ukudelela imigaqo yenkampani. Ndizamile ukumxelela imeko yam, kodwa ubengafuni nokuva oku,” utshilo.
Lo mama wabantwana ababini abaneminyaka emine kunye nesixhenxe, ngekuthethwa ukuba uzakuba neKhrismesi engekho mnandi ukuba wayengazange azibekele imali bucala eyonga.
“Ngentlahla ikhona imali endayongayo ndilungiselela abantwana kulo nyaka. Nangona iKhrismesi yam izakuba mfiliba, ayizuba mbi kwaphela kuba abantwana bam ndizakube ndibalungiselele ngokufanayo nabanye abantwana. “
Sele kuphele iminyaka emithathu esebenzela lomzi mveliso, kodwa usasebenza njengomsebenzi wethutyana nangoku.
Bobathathu abasebenzi abangabanye esibanikwe nguSibisi siliqonga leendaba iScrolla.Africa khange bafune ukuphawula kuba benoloyiko lokuba bacutshiwe.
Xa siqhakamshelana naye, emva kokuba evile ukuba uthetha neentatheli uNaidu uvele wavala umnxeba wakhe, kwaye yonke eminye iminxeba engenayo ifikele kumyalezo obonakalisa ukuba umnxeba wakhe uvaliwe.
Iqumrhu iLabour Guide – elijongene nengxaki ezohlukeneyo malunga nemisebenzi – lithe abaqeshi kufuneka bemilisele imithetho yabasebenzi elwisana nokucalucalula abasebenzi ngokwenkolo yabo kunye namasiko. Noxa kunjalo eliqumrhu lilumkisa ngelithi abasebenzi mabangathathi amasiko abo bezenawo emisebenzini.
Umfanekiso ongasentla: Ithwasa eliselitsha uNokuthokoza Sibisi
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe