Ubeke inkcubeko yamaMpondo emanqwanqweni intokazi enguMiss Indoni walonyaka

Ngu Thabisa Ndzindzwa

Ikumkanikazi yamaMpondo uSimangele Kitana ukwiphulo lokufundisa isizwe ngenkcubeko yamaMpondo emva kokuphumelela isitshaba sokuba nguMiss Indoni Culturala South Africa wonyaka ka 2022.  

Kolukhuphiswano lubaluleke kangaka obelubanjelwe eDurban ICC ngolwesihlanu, uKitana akaphumelelanga isitshaba esinye kodwa ezibini. 

UKitana osuka eBizana kwiphondo leMpuma Kapa uhleli kwisihlalo se Indoni Miss Cultural South Africa 2022 kunye nesika Miss Ubuntu. 

Olu Loyiso lwakhe luza emva kokuba wathi wanikwa isitshaba sekumkanikazi yamaMpondo yephondo leMpuma Kapa, emva kokukhuphisana namanye amagqiyazana asuka kwidolophu ezohlukeneyo ngenyanga yeKhala kunyaka ka2022 eCoffee Bay. 

Lenzwakazi ineminyaka engamashumi amabini yinzalelwano yaseNtlozelo eBizana yazibandakanya neNkciyo ineminyaka elishumi elinaye kuphela. 

“Ndakhuthazwa ngudadobawo wam, owakhula ehamba inkciyo, yamnceda wahlala eyintombi nto wade wabe uyatshata,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa. 

UKitana uthi injongo yakhe ephambili kukuba abeyinxalenye yokhuphiswano kuba ufuna ukufundisa isizwe ngenkcubeko yamMpondo, kuba ukholelwa ukuba ayimelwanga ngokwaneleyo. 

“Zikhona indawo endike ndiye kuzo ndifike amaMpondo enentloni ngobuwona ngenxa yokujongelwa phantsi kwenkcubeko yawo,” utshilo.

Uthe ukuphumelela kwakhe esisitshaba kumenze wathobeka, kwaye ayisosakhe kuphela kodwa sesesizwe sonke samaMpondo. 

“Ndifuna amaMpondo azingce ngenkcubeko yawo kwaye akhululeke kuba bezazi ukuba bangobani.’

Uthe ufuna ukuncedisa amaqela enkciyo aseBizana ngemvunulo (isinxibo senkciyo). Abantwana abaninzi abanayo kuba lixhomile ixabiso layo. 

Njengekumkanikazi ethwele isitshaba sika Indoni Miss Cultural South Africa 2022, uKitana ufumene inkxaso mali yokufunda efikelele kumashumi amahlanu amawaka eeRandi.