Libethwe laphantse lathathelwa umpu ipolisa yindoda ebinxilile

Ngu Doreen Mokgolo

Yonde ngepolisa indoda ebinxile zinyembezi zikaVitoliya, emva kokuba elipolisa liyicele ukuba iyeke ukuselela esidlangalaleni, ngobusuku bangolwesibini. 

Amalungu amabini ecandelo lenkonzo yesipolisa iVisible Police (VISPOL) ayeqhuba ugqogqo kulommandla ngethuba ebona igquba la madoda lihleli ecaleni kwendlela lisela utywala. 

La mapolisa mabini awacela la madoda ukuba abuyele ngaphakathi kwiyadi abeselela kuyo kuba ukuselela esidlangalaleni, lulwaphulo mthetho. 

Oku zange kuhle kamnandi kulamadoda atyholwa ngokuba ala kwaphela ukumamela umyalelo walamagosa. 

Baqhubeka bewathuka bewagrogrisa lamagosa mabini ngaphambi kokuba balibethe bephindelela eli polisa. 

Kumboniso oshicilelwe ngomnye walamadoda, umrhanelwa uyabonakala etyhala eligosa, kwaye elibetha ngelixa abahlobo bakhe bevakala bekonwabela oku bemkhuthaza ukuba makathathe nompu weligosa. 

Omnye walamadoda uvakala esithi “Mbethe Bafana utywala obu siyazithengela, bayaphapha aba”.

Elipolisa likwazile ukuwugcina kulo umpu walo ngethuba ugxa walo olinina ecenga umrhanelwa ukuba ayeke ukumbetha, bade bakwazi ukungena kwisthuthi sabo bashiya kwindawo yexhwayelo. 

Lo mboniso ushicilelweyo uthe ndii kumakhasi ezonxibelelwano.

UMorongwa Mokgoshing oziboneleyo esisenzo uthe, uzive engakhuselekanga ngethuba le ndoda iqalisa ibetha elipolisa. 

“Sizamile ukuthetha naye kodwa khange afune kusimamela kwaphela kuba ubesele enxilile. Babeqale ngentseni ukusela.” 

Ngenxa yolwaphulo mthetho olugqubayo kulommandla, abahlali bacela amapolisa ukuba enze ugqogqo kwizitalato, kodwa ngoku ngabahlali kuqala abagxotha amapolisa kulo msebenzi.

UMokgoshing uthe ubongoza amapolisa ukuba asuse bonke abantu abophula umthetho kwizitalato zelokishi yabo. 

Isithethi samapolisa aseSprings uSergeant Themba Tshabalala uqinisekisile ukuba baphanda ityala lokubethwa kwegosa lenkonzo yesipolisa. 

“Eligosa lifumene umonzakalo wokubethwa kwaye lilufumene uncedo lwezempilo”.

“Umrhanelwa ubanjiwe kwaye uzakuvela phambi kwenkundla kamantyi eSprings ngokukhawuleza.” 

Umfanekiso ongasentla: Ipolisa lesikhululo saseSprings lithathelwa umpu likwa bathwa yindoda enxilileyo

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe