Kungenzeka uzivalele amathuba okubuyela embokweni uMchunu

Ngu Linda Ximba

Kungenzeka ukuba uwatshabalalise ngokwakhe amathuba okubuyela embokweni lowo wayesakuba ngumsasazi kwisikhululo sikanomathotholo Ukhozi FM uNgizwe “Zulu Charmer” Mchunu.

Oku kulandela iintetho azenze emva kokuba abaphathi besikhululo sikanomathotholo iGasasi FM behlehlise udliwanondlebe lwakhe ngomzuzu yokugqibela.

UMchunu bekulindleleke ukuba abelundwendwe kwinkqubo esasazwa nguZisto Ntombela ngolwesihlanu ethi, The Hangout. 

Kodwa iziphatha mandla zesisikhululo zatshintsha izicwangcwiso zabhenela ekubeni atsalelwe umnxeba. 

Elinyathelo limcaphukise kanobom uMchunu, obesele epapashe nakumakhasi akhe ezonxibelelwano malunga nalenkqubo ebezakuba yinxalenye yayo kwesisikhululo.

“Into eyenziwe ngabaphathi besikhululo iGagasi FM ayamkelekanga. Ngoku ndizakuthetha ndithini kwinginginya yabathandi nabaxhasi bam? Oku akwamkelekanga kuba, kuzakuba ngathi bendixoka,” utshilo evakala enomsindo uMchuni kwisikhululo sakhe sikanomathotholo esisebenzisa umanatha. 

UZisto uthi uxelelwe ukuba uMchunu kufuneka angazihluphi ngokuza kwesisikhululo sosazo kuba udliwano ndlebe lwakhe luzakwenziwa ngomnxeba. 

Imithombo ethembekileyo ithi, abaphathi besisikhululo bebeceba ukuzisa uMchunu kwesisikhululo ngenxa yodumo lwakhe, kodwa emva kokuthukisela kwakhe esidlangalaleni, babonakala bemadolwa nzima. 

Ukhulekani Shandu osisithethi sesisikhululo sabucala saseThekwini, uthe kubekhona ukubhidiseka kwezonxibelelwano phakathi kwesikhululo kunye noMchunu. 

“Kona kona into ebezakuba lundwendwe kule nkqubo. Andinokuyiqinisekisa eyokuba sakuphinde simmeme njengo ndwendwe kwilixa elizayo,” lo kaShandu uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.

UMchunu unesikhululo sakhe sikanomathotholo esisebenzisa umanatha wasiphehlelela ngonyaka ka2019, emva kokunqunyanyiswa kwakhe sisikhululo Ukhozi FM ngenxa yokungaziphathi kakuhle. 

Isikhululo sakhe sinabaphulaphuli abangaphezu kwamashumi amabini anesihlanu amawaka abasimamelayo. Ukwasebenzisa eliqonga ukuxoxa ngemiba emininzi kuquka nokunikezela ngolwazi malunga netyala lakhe elisaqhubayo kwinkundla zamatyala. 

Kungoku nje ungaphandle ngebheyile, kwityala abekwa lona lokuphembelela udushe lwase sidlangalalaleni kunye nokophula umthetho wokuqubisana neentlekele ngethuba lezixholoxholo zokutyhuthulwa kamashishini ngenyanga yeKhala kunyaka ka2021, kwilizwe loMzantsi Afrika. 

Umfanekiso ongasentla: Lowo wayesakuba nguDJ kuKhozi FM uNgizwe Mchunu

Imvelaphi yomfaneskiso: Uthunyelwe