
Ngu Zukile Majova
Ivaliwe inkomfa yombutho weANC, ethathe iintsuku ezintlanu kodwa, lo mbutho ushiye abemi beli kunye nabatyali zimali kweli besebumnyameni malunga nengomso loqoqosho lo Mzantsi Afrika.
Le nkomfa yonyulo lukazwelonke ibingajonganga konyula iinkokheli ezintsha kuphela, ivale phezolo kungekho mhlahla ndlela malunga neenkqubo ezizakulandelwa ukuqubisana nomceli mngeni wokushokoxeka kwezamandla, obeka emngciphekweni umsebenzi omkhulu osele wenziwe kuleminyaka ingamashumi amathathu idlulileyo.
Ukanti athe ejongise imibombo emakhayeni amalungu angamawaka amane ebezimase le nkomfa eNasrec eJohannesburg, inkampani ephehla umbane kweli iEskom yabe imilisela isigaba sesithandathu senkqubo yokucinywa kombane.
Oku kuthetha ukuthi uluntu lujamelene neeyure ezisibhozo ukuya kwishumi elinesibini zokungabikho kombane ngosuku.
Le nkqubo inciphise uhlumo loqoqosho layotsho kumyinge ka1.7% ophantsi kakhulu kunomyinge ka3% odingekayo ukuze kuvuleke amathuba emisebenzi adingwa zizigidi zabemi beli.
Isikhokelo somgaqo-nkqubo malunga nokushokoxeka kwamandla, ukukhutshwa ngobuninzi kwezisombululo zamandla ahlaziyekayo ezivela kubaVelisi boMbane abaZimeleyo kunye nokwenziwa kwemali ngeziseko ezingundoqo zika-Eskom kwixesha elizayo bekufanele ukuba zezona zinto zinikwe ingqwalasela kule nkomfa kazwelonke yamashumi amahlanu anesihlanu yombutho weANC.
Kodwa eyona nto ithe yaphuhla kukudideka kombutho weANC malunga nekamva lenkampani ephehla umbane kweli uEskom, njengoko amalungu alombutho ebethetha kakhulu ngezicwangcwiso zokunciphisa ukusetyenziswa kwamalahle ukuvelisa umbane.
Kwisidlo sakusasa kusuku lwesithathu lwalenkomfa, ingqonyela yeBlack Business Council uElias Monage uhlekise ngesiphakamiso esithi “iingxaki ezambethe inkampani yakwa Eskom zizakusonjululwa ngokuveliswa kombane kusetyenziswa ilanga kunye namandla omoya”.
Umongameli uCyril Ramaphosa khange afumane nkxaso kumbutho weANC malunga nesibhengezo sokuba ukwazile ukufumana imali engaphezu kwekhulu namashumi amathathu ananye ebillion zeeRandi kwiWorld Leaders fund ezakusetyenziswa kweli ukuqalisa iinkqubo zokuveliwsa kwamandla ngeendlela ezisulungekileyo kuquka iHydrogen eluhlaza.
Abanye abona bantu basondeleyo kuye ekunye noMphathiswa wezaMandla uGwede Mantashe – osandul’ ukufumana isihlandlo sesibini njengosihlalo weqela – bangcungcuthekisa i-CEO yakwa-Eskom u-Andre De Ruyter ngaphandle kokungxoliswa kule nkomfa.
Emva kokuba iintsuku ezimbini zichithwe kubhaliswa amalungu, lenkomfa ichithe ixesha elininzi kuqulunqwa ukuba izakuba leliphi icala elizakuphumelela liphathe lenginginya yabantu abasuka kwiidolophu ezincinci, kumabhunga amaphondo kunye norhulumente kazwelonke.
Ukanti akukho kwanto ikhe yaphakanyiswa malunga nesigqibo sokurhoxa kwamalungu anamatyala asaphandwayo.
Akukhonto iphumileyo kwikomiti ejongene nokunyaniseka kwamalungu alombutho, malunga neengxelo emalunga nokwebiwa kwifama kamongameli, neyona nto ephantse yangunobangela wokutshutshiswa kuka mongameli epalamente.
Eminye imiba ebitshisa ibunzi ebekufanele le nkomfa iqukumbele ngayo iquka iziphakamiso malunga nokulwa urhwaphilizo ingakumbi kwicandelo likarhulumente, kunye nokumiliselwa kweziphakamiso zekomishoni eyayikhokhelwe nguChief Justice Raymond Zondo malunga nokubanjwa kukarhulumente weli ngobhongwana,
Ukanti akukabikho mkhombandlela ucacileyo malunga nezicwangciso zombutho weANC malunga nokuthetha thethana norhulumente wentsebenziswano wemibutho eyohlukeneyo malunga nezivumelwano abanazo ezibangela ukungabikho kozinzo koomasipala abambaxa abangenisa imali ezizigidi ngezigidi abaquka omasipala abambaxa kuquka umasipala wase Johannesburg, umasipala waseTshwane, owas’Ekurhuleni, eThekwini kunye neNelson Mandela Bay.
Unobhala jikelele omtsha walombutho uFikile Mbalula uthe lenkomfa iphelelwe lixesha kwaye izakuphinde ithathise kwakhona isebenzisa ubuxhaka xhaka balemihla ngomhla wesihlanu kwinyanga yoMqungu kunyaka ka2023, ukuqukumbela imigaqo nkqubo nokwamkela nokuphumelelisa iziphakamiso ekugqitywe ngazo kulenkomfa.