
Ngu Razeen Gutta
Iingcinga zabantu abaninzi zisonganyelwe yimidlalo yendebe yehlabathi, kodwa lifikelele esiphelweni ixesha lokulinda imidlalo ekukhutshiswana kanobom kuyo njengoko imidlalo yendebe iCarabao Cup sele iqalisile ngaphambi nje kokuba kubuyele Premier League ngosuku lweBoxing Day.
Kwiintsuku ezimbini kuphela emva komdlalo wamanqam obumangalisa kwibala lezemidlalo iLusail eQatar, amaqela aqaqambileyo kwimidlalo ye Premier League azakube engxangele ukuqubisana kumdlalo wendebe imidweek cup eChilly eNgilane.
Amaqela afana neWolves, iSouthampton kunye neNewcastle united azakube edlalela ekhaya equbisana namaqela afana neGillingham, iLincoln kunye neBournemouth, ngelixa iLeicesterCity izakusingisa eMK Dons ngolwesibini.
INottingham Forest izakundwendwela iBlackburn Rovers ngolwesithathu, ngelixa iCharlton izakube idlala neBrighton kunye neManchester United kumabala ayo emidlalo iBurnley eOld Trafford.
Ukanti xakukhethwa amaqela azakuba yinxalenye yomjikelo wesine kulindeleke kube yiManchester City kunye neLiverpool. Omabini la maqela kulindeleke ukuba adlale umdlalo ofanelekileyo namaqela okuqala, njengoko iqela lezibomvu lizakube lisondela kwisigaba sokuba bakhusele indebe yabo,
Umdlalo walamaqela uzakuqala ngentsimbi yeshumi ngobusuku bangolwesine, nalapho kulindeleke ukuchongwa kwamaqela azakudlala kwisigaba semidlalo emibini ngaphambi komdlalo wamanqam uqalise emva kwalomdlalo.
Ikhefu elizakuthathwa kulungiselelwa iKhrismesi lizakuba ifutshane kakhulu, njengoko indebe ejongwe ngamehlo abomvu yePremier League izakuba iqalisa ngoMvulo.
Iqela eliphala phambili kwi log iArsenal izakuqubisana neWest Ham kumdlalo wangokuhlwa emva kokuba iqela eliphikisana nalo laseLondon iTottenham Hotspurs lizakube lidlale neBrentford kumabala asekuhambeni ukuqalisa kwakhona imidlalo yokuthathisa leLeague emini emaqanda.
ILiverpool kulindeleke ukuba ityelele iVilla park kumdlalo wasebusuku kunuye neManchester United, iCity kunye neChelsea kwimidlalo elandelayo yangolwesibini nagolwesithathu kwiveki ezayo.
Umfanekiso ongasentla: NguHarvey Elliot weLiverpool FC
Imvelaphi yomfanekiso: @lf5starfc