Benza imali ngokukha udaka lwesinuka

Ngu Buziwe Nocuze

Nanjengoko abantwana bayebonwabele ukudlala ibhola kunye nemidlalo yemiboniso eshicilelweyo ngeeholide zesikolo, akunjalo kumakhwenkwana amabini aseSajonisi kwiphondo leMpuma Kapa.

ULikhona Matu oneminyaka elishumi elinesibini kunye nomhlobo wakhe uMivuyo Gobana oneminyaka elishumi elinanye bavuka kusasa yonke imihla belungiselela ukuyokhangela abantu abafuna ukukhelelwa amanzi nodaka lwesinuka, eSinuka kwidolophu yase Sajonisi.

Abantu basuka kwiindawo ezikude mbombo zone zeli, befuna ukusela amanzi omthombo wasesinuka ekukholelwa ukuba ayaphilisa. Ngokunjalo udaka olukhiwa kule miqolomba nalo lunempiliso olunayo ubani udinga nje ukuba aluthambise ukuze ancedakale. 

Umbono wokuba bakhelele abantu udaka kunye namanzi esinuka wafika kule miqolomba emva kokuba bebone abantu abangayiqhelanga lendawo ukuba bayoyika ukungena  bakhe udaka. 

“Sikhulele apha kwaye asoyiki ukungena ngaphakathi kule miqolomba. Abantu boyika ubumnyama kodwa thina asoyiki,” utshilo uLikhona. 

Ngamanye amaxesha bazikhelela namanzi omthombo. 

“Abazali bethu abasebenzi, kwaye baxhomekeke kulomsebenzi. Ukwenza lomsebenzi kusinceda ngokusingenisela imali, le sithi siyinike abazali bethu.”

Noxa kunjalo, ishishini labo alisoloko liphuphuma ngabantu unyaka wonke, kunge xesha leeholide zokuphela konyaka kuphela apho linabantu abaninzi. 

“Senza imali eninzi kakhulu, abantu abasuka kwiidolophu ezinkulu beza ngobuninzi basiqeshe ukuba sibakhelele amanzi nodaka lwesinuka,” wongeze wenjenjalo uLikhona.

UNozuko Shweni ongumntu osoloko esiza esinuka uyayithanda lento yenziwa ngalamakhwenkwe.

“Abantwana abalingana nabo bayadlala ngelixa bona bezenzela imali. Lento bayenzayo ibonakalisa ukukhathala,” utshilo uShweni.

Ngalolonke ixesha etyelela esinuka uyaqinisekisa ukuba uyabaxhasa. “Ndisoloko ndibanika imali eyongezelelweyo ngenjongo yokubakhuthaza, kwaye bangabantwana abalungileyo,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: Likhona Matu kunye nomhlobo wakhe uMivuyo Gobana.

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Buziwe Nocuze