Amawaka athontelana ukuya kumanxweme aseThekwini anelindle

Ngu Lungani Zungu

Khange zibatyhafise izityholo zokuba amalwandle esixeko saseThekwini angcoliseke yintsholongwane iE.coli kunye nelindle, njengoko inginginya yabatyeleli beli kunye nabamazwe angaphandle begaleleke kumalwande aseThekwini kule mpelaveki sisuka kuyo. 

Isixeko saseThekwini sithi silindele abantu abongezelelekileyo abazakugaleleka ngaphambi kosuku lweKhrismesi kunye nolwandulela inyibidyala.

Imbalelwano ekhutshwe sesisixeko ithi, kubalwe abathandi bolwandle abangaphezu kwamakhulu amabini anamashumi alithoba anesithathu amawaka namakhulu amahlanu, kunye nabatyeleli abangaphezu kwamakhulu amane anamashumi asixhenxe anesine amawaka namakhulu amane kule mpelaveki. 

Ngomgqibelo, amaza ebenamandla ngohlobo olumangalisayo asube imiphefumlo emithathu, ngelixa abalishumi elinesixhenxe bonzakele. 

Ebutsheni balenyanga, usodolophu womasipala waseThekwini uMxolisi Kaunda ugxekwe ngokumandla malunga nobume bamalwandle aseThekwini njengoko kufike ixesha leholide zokuphela konyaka. 

Ukanti, kwiveki ezimbini ezidlulileyo uKaunda uthobe izibilini noloyiko lokhuseleko kubatyeleli ngokungena ncakasana emanzini olwandle iDurban Beachfront phambi kweentatheli. 

Ngamalwandle aseThekwini alishumi elinanye avuliweyo ngelixesha lokuphela konyaka ngelixa alishumi elinesibini esavaliwe. 

Phakathi kwalawo avuliweyo kuquka Ushaka Beach, iNorth Beach kunye neSouth Beach.

Kwilanga elalitshisa likhupha intlanzi emanzini ngolwesihlanu, inginginya yabantu yambonzeleka kulwandle iSouth beach ngenzame zokuzipholisa. 

UNokuthula Makhoba othengisa impahla zesintu kunye neminqwazi ehonjisiwe ngamaso kolulwandle uthe, ixhala lehlile njengoko abantu bewandwendwela amalwandle aseThekwini nangona bekukhona isilumkiso sokuba angcolisekile. 

“Ndonwabile kuba abantu bayeza elwandle. Ndizokwazi ukwenza imali ezokondla usapho lwam ngeziholide. Bendicinga ukuba abantu abazulubeka elwandle emva kweendaba zokuba lungcolisekile,” utshilo uMakhoba. 

Isixeko saseThekwini sithi, ngabantu abangamawaka alithoba nekhulu elinamashumi amahlanu anesibini abafumene izilumkiso, ngelixa abaluthoba bebotshiwe ngempelaveki. 

Amatyala ababekwa wona ngawokungahloniphi imithetho elawula iindawo zasesidlangalaleni – equka ukupaka kwindawo ezingafanelekanga, ukuhamba ze kunye nokusela utywala esidlangalaleni. 

Ngaxeshanye, usihlalo wombutho iActionSA kwelaphondo uZwakele Mncwango umile kwelithi amalwandle aseThekwini akakhuselekanga kubantu abafuna ukusefa.

“Eyona nto ingundoqo kukuba iinkokheli zesisixeko zohlulekile ukwenza amalwandle aseThekwini akhuseleke kulungiselelwa abatyeleli,” utshilo. 

Usodolophu uKaunda ubongoza uluntu ukuba luhloniphe imithetho emiselwe sesisixeko. 

“Sonwabile yindlela oluziphethe ngayo uluntu ingakumbi kumalwandle asethekwini. Siyababongoza ukuba baqhubeke nokusebenzisana namapolisa nezinye iarhente zezomthetho kunye namagosa kamasipala.

Umfanekiso ongasentla: Abaqubhi, bequbha elwnandle iDurban Beachfront

Imvelaphi yomfanekiso: @eThekwini Municipality