
Ngu Buziwe Nocuze
Ubomi buka Mzulungile Nocuze buzele ngamaginxiginxi kodwa akalilahli ithemba.
Wayeneminyaka engamashumi amabini kuphela ngethuba etshiswa ngokumasikizi ligubu lerhasi eyagqabhukayo, njengoko sele eneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu ngoku. Wafumana umonzakalo omkhulu kakhulu kwaye uluntu lwasekuhlalemi kunye nenkosikazi yakhe ngeloxesha bamgatya.
“Emva kwesisithwakumbe, inkosikazi yam yandixelela ukuba ayikwazi ukuqhubeka ibengumfazi wam kuba andiseyiyo lendoda wayeyitshatile. Ndandikhangeleka njengesilwanyana kwaye wayengenokwazi ukwabelana nam ngegumbi lakhe lokulala.
“Ukulahlwa kwam yinkosikazi yam yayisisiqalo. Abantu baqalisa bandiphatha ngendlela engafanelekanga, kwaye abantwana babendoyika, lonto yandenza ndahamba ndaya kuzihlalela ndodwa ehlathini.”
Kodwa emva konyaka senzekile esi sehlo, wadibana nobambo lwakhe. “Ndambona nje okukuqala ndamthanda, nangona ndandisoyika ukuthetha naye ndicinga ukuba ndizakuphoxeka njengoko abantu bendiphatha ngendlela eyohlukileyo ngoku.
“Ngokumangaliseka okukhulu, yavuma intombi kwaye yandixelela ukuba iyandithanda.”
“Ubomi bam sele ndibuphilela yena. “Wandibonisa uthando wandinceda kwaphinde kwabuya ukuzithemba kum. Ukuba ndandingazange ndidibane naye, andazi mhlawumbi ngendafayo.” utshilo
Esi sibini satshata ngonyaka ka1984 sahlala eLusikisiki, kwiphondo leMpuma Kapa kwaye banabantwana abathathu.
“Ndifuna ukukhuthaza abantu abaphila nokukhubazeka ukuba bangalilahli ithemba; mabazi ukuba ukhona umntu apha phandle obathanda benjalo,” utshilo uNocuze.
Kodwa kunjalo uthi iyambhida into yokuhlaselwa nangabantu abadala. “Abantwana bazakuhlala bengabantwana, kodwa eyokuhlekwa nangabantu abadala iyakuhlala indibhida. Abanye babo abafuni nditsho nokusela ikomityi yamanzi kunye nam.” utshilo.
UBusiswa Nocuze uthe, uyamthanda umyeni wakhe kwaye unokumkhetha kwakhona. “Andikhathalele zinto zithethwa ngabantu ngaye, ngumyeni wam kwaye ndiyamthanda”
Xa abantu bebuza ukuba kutheni wakhetha indoda etshileyo, enenkangeleko eyoyikisayo uhleli esithi, “Ndiyamthanda. Ngumntu ufana nabanye abantu kwaye uyakudinga ukuthandwa njengaye wonke ubani”
Eyo nanto ayicaphukelayo yindlela abantwana bakhe abalwa ngayo nabanye abantwana kuba bekhusela utata wabo. “Abantwana bam bayamthanda utata wabo kwaye abazi kutheni abanye abantwana behlekisa ngaye, Basoloko bemlwela.”
Isicelo sakhe kubazali kukuba mabafundise abantwana intlonipho. Abantwana kufuneka beyiqondile intoyokuba bazakudibana nabantu abohlukileyo. Kufuneka bebonakalise intlonipho.
Umfanekiso ongasentla: NguMzuvukile Nocuze nenkosikazi yakhe uBusiswa Nocuze
Imvelaphi yomfanekiso: Buziwe Nocuze