Ukufikelela kwiNEC ibengumqantsa kwiphiko lolutsha lweANC

Ngu Doreen Mokgolo

Njengoko kuqukunjelwe unyulo lwamalungu aphezulu asixhenxe ombutho weANC, kubantu abatsha isengumnqantsa into yokubane lungu elibameleyo kwizikhundla eziphezulu kulo mbutho. 

Iphiko lolutsha lifane loyame ngoRonald Lamola osele eneminyaka engamashumi amathathu anethoba. 

ULamola ubengumngqatswa kwisikhundla sikasekela mongameli. Ufumene kuphela iivoti ezingamakhulu amathathu aneshumi alinesihlanu, equbisana noPaul Mashatile oneminyaka engamshumi amathandathu ananye, ofumene iivoti ezingamawaka amabini anekhulu elinamashumi asixhenxe anesibhozo. 

Iphiko lolutsha liye kule nkomfa linesigqibo zokuba lizakunyanzelisa umyinge wamashumi amathathu eepesenti unikezelwe kulo kwizihlalo ezingamashumi asibhozo ekomiti elawulayo. 

ULamola uthe bazakuqhuba nokulwela ukumelwa kwabantu abatsha abakhuphisana nezikhundla zobunkokeli kwiinkomfa ezizayo.

“Esi ibisisiqalo kwaye sinethemba lokuba inani elonelisayo labantu abatsha lizakufikelela kuluhlu lwamalungu angamashumi asibhozo babeyinxalenye yeNEC,” utshilo.

Ulamola uthe amalungu aphezulu asixhenxe alombutho kunyanzelekile ukuba agxile kwinzame zokuvuselela, nokwakha ngokutsha intembeko kulombutho.

“Kuleminyaka mihlanu idlulileyo, silahlekelwe ngamalungu ngenxa yeengxaki esijamelene nazo. Sidinga ukuthetha thethana nabantu bethu ukuze sive izikhalazo zabo. 

“Amalungu amatsha ekomiti elawulayo kufuneka ahambe ndaweninye kwaye athethe into enye ukuze akwazi ukuvuselela amanye amalungu alombutho. 

UQiniso Mnguni, ongusihlalo wengingqi yaseHarry Gwala kwiphondo laKwaZulu Natal. Uthi baphoxekile kungekho nomnye umntu omtsha owonyulelwe esinye sezikhundla eziphezulu.  

“Ngoku sibeke amathemba ethu kubantu abatsha abonyulwe njengamalungu ongezelelweyo,” utshilo.

Umfanekiso ongasentla: NguRonald Lamola

Imvelaphi yomfanekiso: NguDoreen Mokgolo