
Ngu Zukile Majova
Emva kokuba ephumelele ugqatso lobumongameli isihlandlo sesibini kumbutho weANC, umongameli uCyril Ramaphosa kungoku nje utshintshe ikhasi. Njengoko ebesilwela isikhundla solawulo, ujonge ukwakha ikomiti elawulayo engcono kwaye enamandla.
Le mbumba yenziwa ngamalungu asixhenxe aphezulu kulombutho kunye namalungu ongezelelweyo angamashumi asibhozo inoxanduva lokuthatha ezona zigqibo zibalulekileyo ngaphandle kwenkomfa.
Ukanti le komiti yeNEC kulindeleke ukuba ibe sembindini wokuqhuba iinzame zokulwa nobuqhophololo, kubandakanywa nokutshutshiswa kwabo bachaphazelekayo kwingxelo yokubanjwa kuka rhulumente weli ngobhongwana.
Kwangoku, ikomiti ejongene nezimilo zamalungu alombutho ezakuphuma kwezinkokheli, kulindeleke ukuba iqalise umsebenzi wayo ngokuhlaba ikhwelo kumalungu angamashumi asixhenxe ombutho weANC abandakanyeka kwingxelo yokubanjwa kukarhulumente weli ngobhongwana, ukuba acacise malunga nokubandakanyeka kwawo.
Kwityeli lakhe lokuqala exhuzula imikhala kulombutho, uRamaphosa wanyanzeleka ukuba aqhube umsebenzi nekomiti elawulayo eyayinyaniseke kuJacob Zuma, eyayisoloko imnika ubunzima ngalo lonke ixesha elifumanayo.
Oku kwenza kubenzima kuye ukuba akhuphe abaphathiswa abangakwicala likaZuma kwisigqeba sakhe.
Ikomiti elawulayo entsha ehambiselana nombono wakhe izakumvumela ahlenga hlengise isigqeba sakhe kwaye akwazi ukukhupha oonqalintloko abajonge ukudelela ilizwi lakhe.
Ngexeshanye, ikomiti elawulayo kulindeleke ukuba iquke umyinge wamanina afikelele kumashumi amahlanu eepesenti.
Kwintetho yakhe yokuvula inkomfa yamashumi amahlanu anesihlanu, uRamaphosa uthe zonke iikomiti zalombutho ukusukela kwezikazwelonke, ezamaphondo ukuya kwezamasebe kufuneka zibonakalise umakulinganwe ngokwesini.
Ikomiti entsha yezemisebenzi kuzwelonke izakuba namalungu angamashumi amabini, aquka amalungu asixhenxe aphezulu, amalungu amathathu amele iphiko lolutsha lwalombutho, iphiko lamanina kwakunye nephiko lamagqala alombutho.
Ukanti ezikomiti zizakudlala indima enkulu ukulungiselela lombutho ukuya kunyulo olukhulu emva kweminyaka elikhulu elineshumi wasekwayo, ingakumbi kukhona amarhe okuba kungenzeka ukuba umbutho weANC uzakufumana iivoti ezingaphantsi komyinge wamashumi mahlanu kuvoto luka wonke-wonke.
Iphondo laseGauteng, eliziko loqoqosho kweli lizwe, kulindeleke ukuba lilawulwe ngurhulumente wendibaniselwano emva konyulo lukazwelonke luka-2024.
Inkomfa kazwelonke yeANC iqukumbela umsebenzi wayo ngoLwesibini.
Pictured above: President Cyril Ramaphosa
Image source: @MyANC