
Ngu Linda Ximba
Njenge nxalenye yokubhiyozela iminyaka elikhulu, umpapasho wezamanqindi iAmerican boxing Journal, ebizwa nge Ring Magazine ikhuphe uluhlu lwabadlali bomdlalo wamanqindi ngokugqwesa kwabo kulomdlalo.
Ngokophando lwakutshanje, lemagazine ibale uThabiso “The Tock” Mchunu, uZolani “Last Born” Tete, uJackson Chauke, uHekkie Budler kunye noSivenathi Nontshinga njengabantu abakuluhlu lwabaphezulu abahlanu kwilizwe loMzantsi Afrika abazakuba yinxalenye yokungena kwiqonga labo.
IRing Magazine liqonga eliphinde liwonge iintshatsheli ngeembasa zamabhanti akumgangatho ophezulu kwaye anexabiso elodlula asetyenziswa ngamaqumrhu alomdlalo kuba ona anikwa intshatsheli ngqo.
UMchunu okwindawo yesihlanu kwicandelo le Cruizerweight uthe: “Liwonga elikhulu ukuba uhlonitshwe liqumrhu elaziwa ngoluhlobo. Ayizizo zonke imbethi mangqindi ezikwazi ukufikelela kweliwonga, kwaye kubonakalisa ukuba iinzame zam zijongiwe kwaye zithathelwa ingqalelo,”
Ingomso lika Tete liyantengantenga ngenxa yokohluleka kwakhe ukuphumelela uvavanyo emva kokulwela intshinga yeCommonwealth, IBF International kunye neWBO International esilwa noJason Cunninghan kwilizwe laseUK ngenyanga yeKhala.
Lo mdlali uphethe intshinga yeFlyweight Champion uChauke, naye ukwindawo yesibhoso kuluhlu lwabadlali olukhutshwe yiRing Magazine.
UBudler, ophethe intshinga yeWBC Silver flyweight, ubekwe kwindawo yokuqala, ngelixa uNontshinga oyi IBF junior flyweight ebekwe kwindawo yesihlanu.
UNontshinga kuphela kwentshatsheli esemthethweni yeWorld Champion kweli loMzantsi Afrika. Ngaphandle kwamathandabuzo lo mdlali wephondo leMpuma Kapa wabonakalisa ukuzithemba okumandla ngethuba esenza isigqibo somzuzwana ngethuba esilwa noHector Flores eMexico ngenyanga yoMsintsi ngomhla wesithathu kulonyaka.
Ukanti lowo wayesakuba yintshatsheli yeWBS kunye neIBF lightweight champion uBrian Mitchell uwongwe ngebhanti leRing Magazine ngendima yakhe nempumelelo ayifumeneyo. Ubengowesithathu kwimbethi mangqindi zeli ukufumana elibhanti libaluleke kangaka- Ukanti abanye abafumene ukuwongwa ngu Vic Toweel ngonyaka ka 1995 kunye no Bufker)
Umfanekiso ongasentla: Lowo wayesakuba yintshatsheli yehlabathi ngokuphinda phindiweyo uHekkie Budler
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe