Baziva bekhuselekile abemi bangaphandle kwiphondo leMpuma Kapa

Ngu Buziwe Nocuze

Kwiidolophu ezinkulu abemi bangaphandle abaneevenkile baphila ubomi bentshontsho, bayaqweqwediswa ngeenjongo zokufumana imali, kwaye banyanzelise ukuba bahlawule imali yokuqinisekisa ukhuseleko lwabo. 

Kodwa, ubomi bohluke kwaphela kwabo bashishina kwindawo zasemaphandleni, eLusikisiki kwiphondo leMpuma Kapa. 

Aba somashishini banobudlelwane obuhle kakhulu nabahlali.

UJohn Abede uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba impatho mbi uyiva nje ngembali kumaphepha ndaba malunga nokuthunjwa okanye kubulawe abemi bangaphandle. 

“Umnqweno wam abo bakwiidolophu ezinkulu bangake bangcamle uthando nentlonipho endiyifumana kubantu basemakhaya. Ndiyayazi into yokuba ndikhuselekile apha kuba sonke siyancedana.” 

UAbebe unika abahlali ukutya ngesikweleti ukuze bambhatale xa befumana imali yabo yemivuzo okanye eyesibonelelo sikarhulumente. 

“Oku kubonakalisa intembeko kunye nentlonipho ekhoyo phakathi kwethu. Ndibanika ukutya ngetyala kuba ndibathemba, bona bandihlawula kuba bendihlonipha.”

Ngeeholide ezikhethekileyo ezifana neKhrismesi uAbebe upha abantwana basekuhlaleni iilekese kunye namaqebengwana asuka kwivenkile yakhe ukubulela abazali babo ngenkxaso abamnika yona. 

“Abahlali bandamakela ngothando. Zange ndake ndaziva njengommi wangaphandle kuba bandiphethe njengomnye wabo. Kufanele ibenjalo nakwezinye iindawo. Endaweni yobundlobongela nentiyo ekhoyo phakathi kwethu, kufanele sinikane uthando.” 

Omnye wabemi bangaphandle osele ehleli kule lali iminyaka esibhozo ucele ukuba igamalakhe lingadizwa.

“OObhuti bam abahlala eKapa, bafuna ukuza ezilalini, kuba akukhomnandi phaya kwaye bayayazi ukuba bangabulawa nanini na.” 

“Ndiyabathanda abantu basezilalini kuba banyanisekile, kwaye sifuna bazi ukuba siyabulela ngothando nentlonipho abasinika yona. Ukuba ngummi wangaphandle kunzima, kodwa hayi kuthi. Sikonwabele ukuba lapha.” 

Inkondekazi yelali uZilungile Ngxakana oneminyaka engamashumi amathandathu anesibini uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba abalali bengatyanga kuba bengenamali yokuthenga, ngenxa yokuncedwa zivenkile zabemi bangaphandle ezikhoyo ekuhlaleni. 

“Akukhomntu uzakubaphatha gadalala kwilali yethu. Ngabantu abaze kweli kuba bekhangela amadlelo aluhlaza nempilo engcono. Bashiya ilizwe labo ngesizathu kwaye akukho sidingo sokuba sibaphathe kakubi,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: Ummi wangaphandle othengisa kwenye yevenkile eLusikisiki

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze