
Ngu Zukile Majova
Umongameli uCyril Ramaphosa uluphumelele ebunzimeni ugqatso lwesikhundla sobumongameli kumbutho weANC isihlandlo sesibini. Kubusuku obebunzima, umgqatswa ebequbisana naye uZweli Mkhize khange ayenze lula impumelelo kaRamaphosa njengoko bekukhangeleka ingathi zindala zombini kolunyulo.
URamaphosa uye kule nkomfa efumene inkxaso yomyinge wamashumi asixhenxe eepesenti kumasebe angamawaka amathathu anamakhulu alithoba, iziphumo zokugqibela zibonakalise ukuba lowo ubesakuba ngumphathiswa wesebe lezempilo obekhuphisana naye kwesisihlalo ebesondele ngamandla ekubeni ohluthe esisihlalo.
UMkhize ufumene iivoti eziliwaka namakhulu asibhozo anamashumi alithoba anesixhenxe ngelixa uRamaphosa efumene ezingamawaka amabini anamakhulu amane anamashumi asibhozo anesixhenxe. Ukubethwa kukamkhize kwisihlalo sika mongameli kuthetha ukuba iphondo laKwaZulu Natal nelilelona linabaxhasi balowo wayesakuba ngumongameli uJacob Zuma, alinalo ilungu elibameleyo kumalungu asixhenxe aphezulu ombutho weANC.
UPaul Mashatile owayesakuba yinkulu baphathiswa yephondo laseRhawutini uphindele eLuthuli House njengosekela mongameli, emva kokuba abaxhasi abakhulu bakaRamaphosa uRonald Lamola kunye noOscar Mabuyane bohlule phakathi abaxhasi bakaRamaphosa.
Inkulu baphathiswa exhuzula imikhala kwiphondo laseRhawutini uPhanyaza Lesufi, obekhokele iqela loonozakuzaku bakaRamaphosa, uthe iRhawuti aligungqi kwinkxaso yalo yokuba uMashatile abe ngusekela mongameli.
Ukanti uMashatile uphakanyiselwa igalelo lakhe eLuthuli House, apho ebekhokele yedwa isithuba esilinganiselwa nehafu yetyeli lokuqala kumbuso aRamaphosa.
Le nkokheli yaziwa njenge Alex Mafia ibingunongxowa jikelele walombutho, ekwalibambela nobhala jikelele emva kokukhutshwa kuka Ace Magashule. Uphinde walibambela sekela nobhala jikelele emva kokusweleka kuka Jessie Duarte.
Ukanti uGwede Mantashe ongumkhuseli omkhulu kaRamaphosa uphinde wabuyiselwa kwakhona njengosihlalo kazwelonke wombutho weANC.
Umphathiswa wesebe lezamandla uGwede Mantashe ubuyiselwe njengosihlalo, emva kokuba ethathe iintliziyo zabantu abaninzi kulenkomfa ngethuba ekhusela uRamaphosa kwigquba lamalungu ephondo laseKZN ebezama ukuphazamisa umongameli ngethuba esothula intetho yokuvula le nkomfa ngokuhlwa kwangolwesihlanu.
UMantashe ubize oonogada ukuba beze ngaphambili ukuze banqande abaxhasi balowo wayesakuba ngumongameli uJacob Zuma bangaphazamisi intetho kamongameli.
UFikile Mabalula, ochongwe njengonobhala jikelele, udlale indima ebaluleke kakhulu ukulwisana neqela elizibiza ngeRET Forces ebelisilwa inkxaso kaRamaphosa ngokubangela ulibaziseko ngalo lonke ixesha abalifumanayo kwinkqubo zalenkomfa.
Kubekhona ixesha apho uMbabula anyanzeleke ukuba abale iintloko zabaxhasi bakaRamaphosa, ebongoza amalungu ukuba angakhathazeki.
“Akukhosidingo sokunxakama. Amanani asasivumela. Masiqiniseke ngokuhlonipha imithetho nemigaqo nkqubo,” utshilo.
Iziphumo zokugqibela zamalungu asixhenxe aphezulu zime ngoluhlobo:
1. Umongameli: NguCyril Ramaphosa
2. Usekela Mongameli: NguPaul Mashatile
3. USihlalo: NguGwede Mantashe
4. UNobhala jikelele: NguFikile Mbalula
5. Usekela Nobhala wokuqala: NguNomvula Mokonyane
6. Usekela Nobhala wesibini: Maropene Ramokgopa
7. Unongxowa jikelele: Gwen Ramokgopa
Umfanekiso ongasentla: Kubhiyozelwa impumelelo kaRamaphosa
Imvelaphi yomfanekiso: Doreen Mokgolo