Owasetyhini ubelekele ngaphakathi kwisikhululo samapolisa

Ngu Zavela Makwabe

Ngethuba owasetyhini ozithweleyo engena kwisikhululo samapolisa, kwakungekho mntu waziyo ukuba uSergeant Khayakazi Jodwana uzakube ephethe usana ezingalweni zakhe kwiyure nje ezingaphantsi kwezintandathu. 

Amapolisa esikhululo saseNew Brighton eGqeberha ancedise ukubelekisa owasetyhini owabeleka umntwana oyinkwenkwe ngethuba kukhona inkqubo yokucinywa kombane ngentseni yangoMgqibelo. 

Lo mama uselula usuka kwindawo yasePlettenberg Bay, uhambe umgama olinganiselwa kumakhulu amabini anamashumi asibhozo esuka eMdantsane. Wathi wehliswa sisithuthi kwisango lesisikhululo njengoko wayesiva ukuba kufutshane ukuba abeleke. 

Igosa lesipolisa uJodwana wazama ukuqhakamshelana nabeenkonzo ezikhawulezileyo, kodwa ezo nzame zaphanza. 

Kancinci kancinci kwaye kucaca ukuba lo msebenzi wokubelekisa uxhomekeke kubo.

Bathi bakubona ukuba umntwana usendleleni, amapolisa awayephangele anyanzeleka ukuba anyuse imikhono aqokelele iingubo.

Lo kaJodwana wanyanzeleka ukuba abelekise lo mama uselula encediswa lelinye inina elalize kwesisikhululo. 

Kungekudala, isikhalo senkwenkwe esempilweni savakala sisitsho kwiholo zesisikhululo. 

Amapolisa anyanzeleka abaleke aye kwisibhedle esikufutshane ukuya kufuna uncedo, kodwa ezinzame zange zibuye naziphumo zincumisayo, kwanyanzeleka ukuba kukhutshwe imoto yamapolisa ukuba iyokulanda imoto yezigulane kwesinye isibhedlele.

“Yasikwa inimba, kwaye umama nosana lwakhe bathathwa basiwa esibhedlele ukuze bafumane unyango oluphangaleleyo nokukhathalelwa okufanelekileyo,” utshilo uColonel Priscilla Naidu osisithethi samapolisa kulengingqi. 

Amapolisa abonakalisa ubuntu nenkathalo ingakumbi ngelixesha lokuphela konyaka, aqokelela imali anikezela kusapho olutsha. 

“Ayizizo zonke iintsuku apho amagosa ethu esipolisa ajamelana nemeko eziloluhlobo. Noxa kunjalo, phantsi kwemeko ebekuyiyo bakwazile ukubelekisa ngempumelelo, bakwazi nokuthoba izibilini kumama obebonakala esoyika, bakwazile ukuqinisekisa ukuba uziva ekhuselekile nosana lwakhe lwafumana uhoyo ngethuba esalindele uncedo lwezempilo. 

“Ubuntu obubonakaliswe ngabasebenzi bakarhulumente ngakulo wasetyhini buyancomeka”.

Umfanekiso ongasentla: Sergeant Khayakazi Jodwana kunye nomama omtsha nosana lwakhe.

Imvelaphi yomfanekiso: Yi SAPS