
Ngu Thabisa Ndzindzwa
USharon Velile-Hlazo wachitha iminyaka esixhenxe engaphangeli emva kokufumana isidanga sakhe kwizifundo zobutitshala kwidyunivesithi iWalter Sisulu.
Njengabo bonke ootitshala ebefumana imisebenzi yethutyana engade afumane msebenzi usisigxina.
Ngonyaka ka2020 yena nomyeni wakhe bathuthela eMantanjeni, eMthatha kwiphondo leMpuma Kapa. Kulapho wabona khona ithuba lokuzenzela ingqesho, ngokuvula isikolo sabantwana abancinci kuba sasidingeka kule lali.
“Ndafika apha ndabona abantwana abaninzi bedlala ezitalatweni – kuquka naba bakwizinga lokuba babe bayafunda. Kwakungekho sikolo sabantwana abancinci okanye esamabanga aphantsi.”
“Ekuqaleni konyaka ka2021 ndangena umzi nomzi ndibuza abazali ukuba bangavumela kusini na abantwana babo baze esikolweni sabantwana abancinci xandithe ndasivula. Bonwaba kakhulu kwaye bawuxhasa lombono,” utshilo.
Wagqiba kwelokuba abhalise isikolo sakhe sabantwana abancinci, iEarly Childhood Development Centre eyiMantanjeni pre-school kwisebe lophuhliso loluntu. Waqalisa wamkela abantwana abaneminyaka emibini ukuya kwemihlanu.
Kungokunje, abantwana abalishumi kwesisikolo balungele ukuya kuqalisa isikolo esikhulu kwibanga likaGradeR.
Ukufumana imfundo esisiseko ngumzabalazo kubantwana baseMantanjeni. Uphahla lwesikolo samabanga phantsi ekwakukuphela kwaso iZoyisile JSS lwatshatyalaliswa sisichotho ngonyaka ka2018.
Abazali bazama ukululungisa, kodwa ekugqibeleni bagqiba kwelokuba abantwana babo bafunde kwezinye izikolo kuba besoyikela ukhuseleko lwabo, saphela sivalwa esisikolo.
Isikolo sikaHlazo, seza noncedo obeludingeka ekuhlaleni kwaye naye wafumana indlela yokusebenzisa isakhono sakhe.
IMantanjeni ECD isebenzisa igumbi lokufunda elinguronta owanikezelwa ngomnye wabahlali kwaye esisikolo besinabantwana abangamshumi amabini anesine abebebhalisiwe kulonyaka. Esisikolo sisebenza ngemali ebhatalwa ngabazali elikhulu leeRandi inyanga nenyanga.
Umfanekiso ongasentla: USharon Hlazo kunye nomnye wabafundi bakhe
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe