Isibhedlele saseTembisa asikho mgangathweni 

Ngu Karabo Rammutla

Ushicilelo lomboniso othathwe ngaphakathi kwisibhedlele iTembisa ubhentsise elubala imeko embi izigulane ezihlangabezene nayo. 

Ngolwesine, indoda ibizise mntwana wayo kwesisibhedlele yothuswe kukubona ukuba kwi wadi enye, abantu abagulayo balala phantsi bengqongwe ziimpahla ezimdaka kunye nomgqomo wenkukuma.

Ugqibe kwelokuba ashicilele umboniso. 

Kulomboniso, kubonala umntu osele emdala enganxibanga ngokupheleleyo ebhinqe ilaphu ehleli phantsi kufutshane nebhedi engondlulwanga. Ukwabonakala engqongwe zimagi ezisetyenzisiweyo kunye nezinto zokondlula ibhedi ezimdaka. 

“Jongani ukuba abantu bethu bagcinwe njani. Ndithi bagciniwe kuba kaloku andinothi bahleli okanye balele kwindawo enje;” le ndoda itsho kolushicilelo  njengoko ibonakala izula indlu yonke.

Kwelinye icala kubonakala igosa lezempilo linika ingqwalasela kwisigulane esisebhedini. 

Emva kokubona lo mboniso ushicilelweyo, inkulu baphathiswa yephondo laseRhawutini uPhanyaza Lesufi, uthe imeko yesibhedlele iTembisa inikwa ingqwalasela. 

“Umphathiswa wephondo kwisebe lezempilo uNomantu Nkomo-Ralehoko uye watyelela esisibhedlele ngeenzame zokuqubisana nalemeko ingamkelekanga. Yonke into iye yalungiswa,” utshilo. Lo mphathiswa utyelele esisibhedlele ngoLwesihlanu. 

Inkulubaphathiswa imemelele zonke iinkokheli ukuba zisebenze, ecela uNkomo-Ralehoko “ukuba athathe amanyathelo afanelekileyo ngakwinkokheli zesisibhedlele.”

Imbalelwano ekhutshwe lisebe lezempilo kwiphondo laseRhawutini ithi ngolwesine bekukhona ixesha apho isibhedlele saseTembisa besisamkela uninzi lwabantu abalimeleyo kunye nabadinga uncedo olukhawulezayo. Ukuzama ukwehlisa umthamo wabantu noxinizelelo abanalo lendawo iyiholo ibibonakala kulomboniso ithe yasetyenziswa ukuzama ukuvula indawo.”

Ababantu bebevele kulomboniso ngabantu abanyangelwa izifo ezinento yokwenza nengqondo, buyiselwa kwicandelo loncedo labantu abangaguli kakhulu zakubakhona iibhedi ewadini yabo. Esisibhedlele sikwinkqubo yokuqukumbela iwadi yolwamkelo lwabantu ezakusetyenziselwa ukuphungula abantu ngethuba loxinano kwigumbi lengozi noncedo olukhawulezileyo. 

Isebe lezempilo lithi ukudingeka kweenkonzo kwisibhedlele iTembisa kuninzi ukogqitha umthamo esikwazi ukuwuthatha ngokomsebenzi. “Isibhedlele saseTembisa kuphela kwesibhedlele esikhoyo kumantla omasipala was’Esekurhuleni, kwaye esisibhedlele asibajikisi abantu nditsho nokuba sesigcwele.”

Isebe longeze ngelithi liyasamkela isibhengezo senkulubaphathiswa uLesufi ebutsheni beveki sokuba kuzakuvulwa isibhedlele esitsha ukuvala isikhewu seKempton Park Hospital.

Umfanekiso ongasentla: Isibhedlele iTembisa 

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Abramjee