
Ngu Zukile Majova
Ziyaqhuba iingxoxo eziluqilima zokugaya inkxaso yezikhundla ezingundoqo zamalungu amathandathu kumbutho weANC, oonozakuzaku bakamongameli uCyril Ramaphosa kungoku nje babambe iintlanganiso bucula bezama ukuthethathethana kunye noonozakuzaku balowo wayesungula engumphathiswa wesebe lezempilo uZweli Mkhize.
UMkhize owayesungula eyintandane kwisigqeba sikaRamaphosa, wakhutshelwa ngaphandle kwisigqeba sika mongameli ngenxa yokubandakanyeka kwakhe kwibholo lokunikezela isiniki maxabiso esixabisa ikhulu namashumi amahlanu ezigidi zeeRandi kwinkampani yezonxibelelwano iDigital Vibes ngokungekho mthethweni.
Le nkampani iphethwe ngabahlobo bosapho lwakwaMkhize, kwaye omnye wabo wayesakuba ngumncedisi kaMkhize.
UKhabazela, njengoko esaziwa ngesiduko sakhe lo kaMkhize, wenza isiqinisekiso sokuba uzakuphehlelela iphulo lakhe ukuze abhukuqe uRamaphosa.
Ingaba yintoni kanye kanye etshintshileyo?
UMkhize kunye nabalandeli bakhe khange babeyinxalenye yabantu abebezama ukuphazamisa uRamaphosa ngethuba esenza intetho yokuvula inkomfa phezolo.
Ngelixa uZuma ekhangeleka ebambe iintambo ngakwiqela lamalungu alombutho aseKZN angaphezulu kwamakhulu asibhozo, inyaniso yeyokuba uMkhize ngumgqatswa waseKZN kwisihlalo sika mongameli walo mbutho, kwaye akayiyo inxalenye yeqela elibizwa ngeRadical Transformation Forces.
Inkulu baphathiswa yephondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane, ongumxhasi omkhulu kaRamaphosa uqinisekisile ukuba bakwiingxoxo noonozakuzaku bakaMkhize.
Amalungu ombutho weANC khange abubone ubuthongo kubusuku bangoLwesihalanu, njengoko inkomfa ezingekho selungelweni beziqhuba kwihotele ezahlukeneyo eSandton.
Iinkcukacha zezinkomfa zabucala zizakutyhileka xa kusonyulwa amalungu ongezelelweyo azakube ejonge ukulwela izikhundla zamalungu amathandathu angundoqo kulombutho.
Amaqela agaya inkxaso asazama ukufumana oyena mntu ufanelekileyo kwisikhundla sika sekela mongameli phakathi kuka Ronald Lamola, uMabuyane kunye noMashatile abachongiweyo kwesisihlalo.
Inkulu baphathiswa yephondo laseRhawutini uPanyaza Lesufi uthe, abagungqi kwisigqibo sokuba uMashatile kufuneka angene kwisikhundla sika sekela mongameli.
Ngaxeshanye akukho namnye phakathi kuka Fikile Mbalula okanye uMdumiseni Ntuli ofuna ukurhoxa kugqatso lwesihlalo sikanobhala jikelele walombutho, nangona bobabini bekwiqela likaRamaphosa.
Ngethuba kuqhuba ezingxoxo kucace gcaa ukuba ubunkokheli obubeka amadoda kwizihlalo eziphambili kungumqobo obangela ukuba amanina angakwazi kufikelela kwizikhundla zamalungu amathandathu aphezulu alombutho.
Umphathiswa wesebe lezezindlu uMmamoloko Kubayi uthe oonazakuzaku beqela la manina bafuna le nkomfa yongeze isihlalo sikasekela mongameli wesibini ukuze esisigqeba sibe namalungu asixhenxe.
“Ukuba ufuna ukulwisana nobunkokheli obubeka amadoda njengenkokheli eziphambili ngethuba amanina engathathelwa ngqalelo, kufuneka ungayilandeli imithetho yabo.”
“lilizwe la madoda, ngumbutho wamadoda kwaye nemithetho yenziwe ngohlobo olubangela amanina asilele.”
Uthe bafuna amanina amathathu kumalungu amathandathu okanye asixhenxe aphezulu kulombutho.
Umgqatswa ngamnye owonyulwe kulenkomfa uzakudinga inkxaso yamalungu aliwaka namakhulu amabini ukuze akwazi ukudlulela kwisigaba esilandelayo.
Umfanekiso ongasentla: Umongameli weANC uCyril Ramaphosa
Imvelaphi yomfaneskiso: EWN