Liyancipha inani lamalungu ombutho weANC

Ngu Doreen Mokgolo

Lishokoxekile inani lamalungu ombutho weANC ukusukela ngonyaka ka2007, nalapho amaphondo afana neMpumalanga, iphondo loMntla Ntshona kunye neFree State ehamba phambili ngokulahlekelwa ngamalungu. 

Oku bekuxoxwa ngomgqibelo, kwingxoxo ebibanjelwe ekhusini kwinkomfa yamashumi amahlanu anesihlanu yombutho weANC ebanjelwe eNasrec eJohannesburg. 

Le ngxelo ibiqubisana nokwehla kwenani lamalungu alombutho kuzwelonke ukusukela ngonyaka ka2007, nalapho iphondo laseMpumalanga liphulukene namalungu ngomyinge ka62.64% kunyaka ka2022. 

Inani lamalungu ephondo laseMntla Ntshona lehle ngomyinge ka 54.78% lilandelwa liphondo laseFree State ngomyinge ka48.42%. 

Oku kubangelwa kukuhamba ngonyawo lonwabu kwenkqubo yokunikezela ngamakhadi obulungu, ukulwa nokunkonywa kolwazi kunye nokuthatha uxanduva malunga neenkcukacha zamalungu kunye nobomi bamalungu asazimanye nalombutho. 

Le ngxelo ityhola ngelithi ukunqunyanyiswa kukanobhala jikelele walombutho uAce Magashule ngenyanga kaCanzibe ngonyaka ka2021 kunye nokothulwa kukalowo wayesakuba ngumongameli uJacob Zuma esihlalweni ngenyanga yoMdumba ngonyaka ka2018 kwaba negalelo olwabangela ukuba lo mbutho ulawulayo ulahlekelwe ngamalungu. 

Ngenyanga kaCanzibe ngonyaka ka2021 uMagashule wanyanzeliswa ukuba arhoxe sikhundleni sakhe ngenxa yokuba enetyala lolwaphulo mthetho anxulunyaniswa nalo, malunga nebholo lesiniki maxabiso sokususwa kophahla lweAsbestos eFree State.

Iinzame zikaMagashule zokubuyela asebenzele lo mbutho, ngokuthatha isigqibo sokubhenela ezinkundleni zamatyala malunga nokunqunyanyiswa kwakhe zathi zaphanza ngenyanga yeThupha kulo nyaka.  

Le ngxelo ikuchaze ukunqunyanyiswa kukanobhala jikelele njengenyathelo lokuqala kwimbali yombutho weANC, kwaye eli njengexesha lokuvavanya lombutho malunga nendlela oqhuba ngayo imicimbi yawo.

“Le yinto ebuhlungu kumbutho weANC ukubona inkonde ebekufanele idla umhlalaphantsi, kunyanzeleke ukuba mayijongane namatyala olwaphulo mthetho.”

Umfanekiso ongasentla:  Ilungu lombutho weANC

Imvelaphi yomfanekiso: @Radio786