
Ngu Zukile Majova
Usuku lwesibini lwenkomfa yombutho weANC luphele enqwalise intloko umphathiswa wesebe lezotyelelo uLindiwe Sisulu njengoko ehlukile ukufumana inkxaso yomyinge wamashumi amabini anesihlanu kumalungu alombutho ngethuba echongelwa isihlalo sika nongxowa.
Oku kuza njengoko sele kuphele iinyanga egaya inkxaso kuMzantsi Afrika uphela ezithengisa njengomongameli olandelayo, kuquka nokuthuka umpathi wakhe ongumongameli uCyril Ramaphosa.
Ukuzithemba kwakhe kuphele ngethuba amasebe ombutho weANC angamawaka amathathu anamakhulu alithoba engakhange amchonge ukuba abengomnye wabagqatswa abazakuvotelwa kwesisihlalo, njengoko iqhuba inkomfa yamashumi amahlanu anesihlanu eNasrec eJohannesburg.
Kwinkqubo ebisasazwa ngqo kumabona kude; lo mphathiswa ukwamkele ukuchongwa kwakhe ukuba abengumgqatswa kwisihlalo sika nongxowa jikelele walombutho ezakuqubisana noBejani Chauke, ongumcebisi okhethekileyo kamongameli; uPule Mabe osisithethi salombutho kuzwelonke kunye noMzwandile Masina owayesakuba ngusodolophu womasipala waseKurhuleni.
Lo kaSisulu ubengundaba mlonyeni kwiqonga lezonxibelelwano iTwitter emva kokohluleka ukufumana iivoti eziliwaka nekhulu elinethoba, ukuze akwazi ukuba ngumgqatswa ngokusesikweni kumalungu asixhenxe aphezulu alombutho.
Ngaphandle koku, izicwangcwiso zephiko lamanina ombutho weANC ziphumelele izinto ezimbini ezingundoqo ngolusuku.
Okokuqala, bakwazile ukunyanzelisa le nkomfa ukuba itshintshe umgaqo siseko ibandakanye usekela nobhala wesibini kumalungu aphambili kulombutho, nto leyo yenze ukuba esisigqeba sibe namalungu asixhenxe endaweni yamathandathu.
Uloyiso lwesibini ibe kukonyulwa kwamanina ongezelelweyo kwizihlalo zamalungu aphezulu asixhenxe, ukuze abenamathuba angcono okuba aphumelele kwezizikhundla.
Ebutsheni balenkomfa umphathiswa wesebe lezindlu Mmamoloko Kubayi uthe, bazakuqinisekisa ukuba amanina anefuthe kwezopolitiko awakhuphisani kwisikhundla esinye ukuze kungabikho ukhupha omnye kugqatso.
Unyulo lwamalungu asixhenxe ombutho weANC kulindeleke ukuba luqale ngentsimbi yethoba ngentseni yangeCawa.
Uluhlu lwabagqatswa abachongelwe izihlalo ezisixhenxe eziphezulu kumbutho weANC lume ngoluhlobo:
Umongameli: NguCyril Ramaphosa kunye nalowo wayesakuba ngumphathiswa wesebe lezempilo uZweli Mkhize
Usekela mongameli: Ngunongxowa wombutho weANC uPaul Mashatile, inkulu baphathiswa yephondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane kunye nomphathiswa wezobulungisa uRonald Lamola
USihlalo kuzwelonke: Ngu sihlalo kazwelonke uGwede Mantashe, inkulu baphathiswa yephondo lase Limpopo uStanley Mathabatha kunye nosekela mphathiswa wesebe lezimali uDavid Masondo
UNobhala jikelele: Ngumphathiswa wezothutho uFikile Mbalula, lowo wayesakuba yinkulu baphathiswa yephondo leMpuma Kapa uPhumulo Masualle kunye nalowo wayesakuba ngunobhala kwiphondo laKwaZulu Natal uMdumiseni Ntuli
Usekela nobhala wokuqala: Lowo wayesakuba yinkulu baphathiswa kwiphondo laseRhawutini uNomvula Mokonyane kunye nelungu lepalamente lombutho weANC uTina Joemat-Peterson
Usekela nobhala wesibini: Umququzeleli wephiko lamanina ombutho weANC kuzwelonke uMaropene Ramokgopa, kunye noRonalda Nalumango
Unongxowa jikelele: NguBejani Chauke ongumcebisi okhethekileyo kamongameli, uPule Mabe osisithethi salombutho kuzwelonke kunye noMzwandile Masina owayesakuba ngusodolophu womasipala was’Ekurhuleni.