
Ngu Zukile Majova
Ukuba awubaboni abakwantsasana kwingingqi yakho, yazi ukuba bakwinkomfa yombutho weANC eNasrec eRhawutini.
Ayizozithuthi kuphela, ndithetha ngobuninzi lamagosa esipolisa “aphangele” kwinkomfa yamashumi amahlanu anesihlanu yombutho weANC, ungafunga uthi bazokuncedisa amaqabane ngokubonisa iindawo zokuhlala.
Ngoku uhamba hamba nje kwisakhiwo senkomfa uthi gqi ngamapolisa aleleyo, amanye ephunga iti namaqebengwane okanye edlalisa iimfonomfono zawo.
Umphathiswa wesebe lenkonzo yesipolisa ubheki Cele okwalilungu lombutho weANC uthi, lenkonzo ishota ngamapolisa angamashumi amabini amawaka, xa kuthelekiswa nonyaka ka2010.
Oku sisiqalo nje sokusetyenziswa gwenxa kwezixhobo zombuso weli, okuqhubeka kulenkomfa izinyaswe ngamalungu angamawaka amahlanu kunye neendwendwe ezliwaka namakhulu amahlanu.
Lo mbutho uchithe iintsuku ezimbini uzama ukulungisa ukubhaliswa kwamalungu awo angamawaka amahlanu, aqinisekiswa ngokusebenzisa inkqubo yokugcina iinkcukacha (isystem) ebolekwe kwisebe lemicimbi yezekhaya.
Ewe, nditsho isebe lemicimbi yekhaya apho zonke inkcukacha zethu eziyimfihlo zigcinwa khona. Ukanti le ayonkomfa yombuso weli, kodwa yinkomfa yombutho wezopolitiko!
Nto leyo ishiya umbuzo wokuba ngubani oyena usebenzisa obubuxhaka xhaka (system): ngabasebenzi baka rhulumente okanye ngamaqabane?
Olubhaliso lwamalungu, ludlula luye kubuxhaka xhaka bokuqinisekisa iinkcukacha be arhente yezokhuseleko yeli.
Oku kuthetha ukuba umbutho weANC, awunabo ubuxhakaxhaka bawo obuzimeleyo ukuze ukwazi ukulawula iinkomfa zawo, nokuqinisekisa ubunyani beenkcukacha zamalungu amasebe awo.
Andifuni nokuwukhankanya umba weemoto ezimnyama ezithutha oosodolophu, ooceba, amalungu ezindlu zowiso mthetho kumaphondo ohlukeneyo, iinkulu baphathiswa, abaphathiswa kunye namasekela abo, umongameli kunye nesekela lakhe kunye nabo babesaya kuba ngoomongameli.
Ukanti eyonanto inika umdla kukuba kungenzeka ukuba yinkomfa yokugqibela yombutho weANC apho kusetyenziswa gwenxa izixhobo zikarhulumente ngokukhululekileyo.
Unobangela woku, kukuba umbutho weANC sele kulithuba uphulukana nolawulo loomasipala, kunye nomasipala abambaxa kwaye kukhangeleka ngathi uzakuphulukana nolawulo lwephondo laseRhawutini okanye lilawulwe ngentsebenziswano yamaqela ohlukeneyo ezopolitiko.
Kuxhomekeke ekubeni ngubani owonyulwe njengomongameli wombutho olawulayo, kungenjalo iANC isemngciphekweni wokuphulukana nolawulo kunyulo lukawonke wonke ngonyaka ka2024.
Ulawulo ngentsebenziswano yemibutho eyahlukeneyo kuzakunceda kubeke esweni indlela ekusetyenziswa ngayo izixhobo zombuso, zisetyenziselwa ukuphumelelisa inkqubo zombutho weANC kuquka ukugaya inkxaso kunyulo lovalozikhewu, ulonyulo gabalala kunye neenkomfa zolonwabo zalombutho.
Umfanekiso ongasentla: Amapolisa kwinkomfa yombutho weANC
Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Zukile Majova