UZuma uphembelela umlilo osele ufikelele kuvuthondaba

Ngu Zukile Majova

Kule komfa yamashumi amahlanu anesihlanu yombutho weANC izinyaswe ngabathunywa abangamawaka amahlanu abazokumela amasebe kunyulo lweenkokheli ezintsha, lo kaZuma ebethe gqolo ukupheka amaqhinga elinye emva kwelinye. 

Ngolwesine, kusuku nje ngaphambi kokuba kuqale lenkomfa, uZuma uzame ukukhohlisa wonke ubani ukuba akholelwe ukuba uRamaphosa ubekwe ityala kwaye useza kuvela enkundleni. 

Ngokwesindululo salombutho wonke ubani onetyala elinyanzelisa ukuba ayokuvela phambi kweenkundla zamatyala, umbutho unesizathu esaneleyo sokumrhoxisa lowo esikhundleni.

Kodwa amalungu aze kule nkomfa khange abonakalise mdla kwaphela kwiinzame zika Zuma  zokutshutshisa uRamaphosa.

Kwakhona ngoLwesihlanu uZuma ulinde ukuba kufike ixesha lokuba uRamaphosa othule ingxelo emalunga nobume bombutho ngaphambi kokuba angene eholweni, ephazamisa le ntetho kwaye abaxhasi bakhe abakhange balibazise baye baqalisa bacula ingoma eyaziwayo ethi “Wenzeni uZuma”.

Uphinde wazibizela amehlo, endaweni yokuba ayokuhlala kwindawo elungiselelwe iindwendwe ezihloniphekileyo zombutho weANC kunye nabo babesakuba ngomongameli eqongeni, uMsholozi ukhethe isitulo phakathi kwabathunywa bephondo laKwaZulu Natal. 

Ukusukela apho, abaxhasi baka Zuma bazame ukongamela isithethi ngengxolo, bebetha neetafile kusajongwe leyo suke baqalise ingoma. 

Usihlalo kuzwelonke walombutho uGwede Mantashe ongumxhasi ongagungqiyo ka Ramaphosa, kunyazeleke ukuba abize onogada bazokunqanda lo mbhodamo.

Ukanti indawo ahleli kuyo Zuma kulenkomfa, imnika umtyhi wokuba akwazi ukuqhuba iphulo lakhe lokungafuni uRamaphosa,

Ngelixa iqela leRET libonakala ukuba alinawo amanani okwehlisa uRamaphosa esihlalweni, zikhona ezinye izinto elinokuzenza ezifana nokuba nokusebenzisana neqela lika Paul Mashatile kunye ne ndibanisela yaseRhawutini emxhasayo. 

Eli thuba longezelelweyo lokonyula ezinye iinkokheli eziza kuba yinxalenye yamalungu amathandathu aphezulu kulombutho, lizakuvula amathuba kubantu abafana noNkosazana Dlamini-Zuma kunye noLindiwe Sisulu. 

UDlamini-Zuma osajamelene neengxoxo zoluleko malunga nokutyeshela umyalelo walombutho ngethuba kuvotwa epalamente, ukhuphe imbalelwano ekhumbuza abaxhasi ukuba ukulungele ukuba ukonyulwa kumalungu amathandathu aphezulu kulombutho. 

“Ndifuna ukuniqinisekisa ukuba ingxelo endiyifumene kunobhala jikelele obambeleyo kwiANC ayindivaleli ngaphandle ukuba ndingonyulwa. 

“Ukuba ndikhethiwe ngamasebe alombutho, ndivumelekile ukuba ndingenele ugqatso kwaye ndizakulingenela.” utshilo.

Iqonga leendaba iScrolla.Africa lifumanise ukuba kukhona ingxoxo eziqhubayo malunga nokubeka uMashatile njengomgqatswa wesithathu kwisikhundla sika Mongameli.

Uvuthondaba luzakuqalisa ngoMgqibelo, apho kuzakube kuvulwe ithuba lokonyula abagqatswa abongezelelekileyo. Abathunywa bazakuvotela amalungu azakungena kwizikhundla zamalungu amathandathu aphezulu kulo mbutho. Ezizikhundla ziquka umongameli kunye nesekela lakhe, Usihlalo kazwelonke wombutho, unobhala jikelele kunye nonondyebo jikelele.

Umfanekiso ongasentla: UJacob Zuma ehleli ecaleni kukasekela sihlalo waseKZN uNomagagu Simelane.

Imvelaphi yomfanekiso: @ECR_Newswatch