Inkwenkwana eneminyaka emibini yasala iphila emva kokuginywa yimvubu

Kwinto enokuchazwa njengesehlo esingaqhelekanga, inkwenkwana eneminyaka emibini yaseUganda iginywe yimvubu yaze yaphinda yayikhupha isaphila. 

Le nkwenkwana yayidlala ngaphandle kwekhaya layo ngethuba ihlaselwa yile mvubu ingalindelanga. Kutyholwa ngelithi yambamba ngentloko yaginya wonke umzimba walenkwenkwe wangasentla. 

Kwanceda ukuhlakanipha kuka Chrispas Bagonza owabona lo mbono ungaqhelekanga, wayixuluba ngamatye lemvubu de yabe iyayikhupha le nkwenkwana.

Amapolisa athi esisehlo senzeka ngenyanga kaTshazimpuzi, kodwa sixelwe ngomhla weshumi elinesibini kuleyoMnga, emva kokuba ushicilelo lomboniso luthe ndii kumakhasi ezonxibelelwano. 

“Esi sisiganeko sikumila kunje sesokuqala apho imvubu iye yaphumela ngephandle kwechibi iLake Edward izokuhlasela umntwana,’’ sitshilo sisithethi samapolisa.

Ngokwengxelo zephepha ndaba iDaily Star, lenkwenkwana yathathwa yasiwa kwiziko lempilo elikufutshane ngaphambi kokuba idluliselwe esibhedlele ukufumana unyango. Nangona kungacaci ukuba yafumana monzakalo mni, yakwazi ukufumana isitofu sokugonyela umgada. 

Iqonga le National Geographic lithi esisilwanyana sitya izityalo sihlasela kuphela xa siziva sisemngciphekweni. Kwaye kwilizwekazi iAfrika baqikelelwa kumakhulu amahlanu abantu abafayo befela ezandleni, okanye emilonyeni yeemvubu minyaka le. 

Eliqonga longeze ngelithi: “Iinkunzi zemvubu ziba ndlongondlongo xa ziziva zingakhuselekanga. Ngelixa amathokazi ehlasela kuphela xa ekhusela amathole azo. Nangona zinobunzima obufikelela kwiitoni ezine (4 tons) ziyakwazi ukubaleka ngokukhawuleza. Imilomo yazo ivuleka kangangobukhulu obulinganiselwa ku180 degrees, kwaye iwuvale ngokukhawuleza ngamandla aphinda phindwe kalishumi kuna womntu. Amazinyo azo angasezantsi akhula abemade ngaphezulu kwezinyo elinye nehafu yalo ubude”

Noko ke, kwimeko yenkwenkwana imvubu yayingacatshukiswa kwaphela. 

 Iqulunqwe ngu Anita Dangazele

Umfanekiso ongasentla: Inkwenkwana eneminyaka emibini emva kokusinda kuhlaselo lwemvubu

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.