Ngu Philip Van Niekerk
Ngethuba iMorocco ibetha iPortugal ukuze ibe lilizwe lokuqala eAfrika ukufikelela kwisigaba semidlalo eyandulela eyamagqibela kankqoyi kwindebe yehlabathi, abalandeli bakhupha imbilini yabo ngokucula ingoma kasaziwayo welizwe laseNigeria uBurna Boy ethi “Last Last”.
Kanye kulamzuzu umda wentlango ophakathi komntla welizwe laseAfrika kunye neSub-Saharan kwilizwekazi iAfrika wavela wanyamalala. Abantu baseMorroco bakhetha ukuzibona njenga maAfrika.
Njengoko ibhola ekhatywayo imanya izizwe ngezizwe, nomculo ngokunjalo unamandla okudala izinto ezintsha, wakhe ubuhlobo obutsha kwaye utshintshe nendlela ekuphilwa ngayo.
Umdaniso weSamba, kwakudala wawuyanyaniswa nobuchule, italente kunye nobuhle bebhola ekhatywayo yelizwe laseBrazil.
Umculo uyinxalenye enkulu yendebe yehlabathi kangangokuba kulonyaka onke amazwe athathe inxaxheba kulendebe ibanjelwe eQatar acelwe ukuba achonge ingoma ezakudlalwa xa lifake inqaku.
Iphepha ndaba lelizwe laseLondon iThe Guardian lidwelise zonke iingoma ezikhethwe ngamazwe, ibhengeza ukuba iculo elikhethwe lilizwe laseJamani elithi “When We Stand Together” leqela iNickelback njenge lona lingathandekiyo – lisithi “lengoma ineminyaka elishumi yemvumi yaseCanada ecula umculo weRock ecatshukelwa nguye wonke umntu”.
Eliphepha ndaba libeke ingoma yaseGhana ethi “Oofeesto” ka Sarkodie kwindawo yesibini kwingoma ezingamashumi amane, lisithi lemvumi yaseNigeria iyakwazi ukwenza ulonwabo”.
Kodwa bakhethe eyelizwe labo ethi “One Kiss” ka Dua Lipa. Into embi kukuba nje ayizukudlala kumdlalo wokugqibela kwindebe yehlabathi.
Ukanti indebe yehlabathi ibilithuba lokuba iimvumi zizenzele eyazo into- kwaye apha kwilizwekazi iAfrika iimvumi eziphambili zivelise iingoma ezinikelwe kulendebe yodumo. Ibe ngumculo ogqibeleleyo.
Noxa izakube iliqela lelizwe loMzantsi Melika iArgentina elizakuqubisana nelizwe laseYurophu iFrance kumdlalo wamnqam ngeCawa, ilizwekazi iAfrika sele liyiphumelele indebe ngoko mculo omnandi.
Ngowona mculo uthandwa ngabalandeli – owona ugqwesileyo kwaye uhamba phambili ngexesha lobumnandi, kunye noloyiso olungaqhelekanga okanye intlungu – yilonto uzakuhlala ukhunjulwa luluntu.
Ngubani nje onokulibala amagubu elizwe lase Senegal ahambe nelizwe lawo aliqhuba laya kufika kumdlalo wamaqela alishumi elinesithandathu, kwaye aqhubeka ivakala intsholo yawo nasemva kokuba ziwile iLions of Teranga ngethuba zidlala neNgilane?
Ukanti ilizwe laseMorroco lenze imbali kwindebe yehlabathi yonyaka ka2022, limele omabini amazwe amaArab kunye namaAfrika ngokubetha amazwe awayesa kuxhuzula imikhala kwela iBelgium, iSpain kunye nePortugal.
Into yokuba abalandeli bakhethe ukubhiyozela lomzuzu ubaluleke oluhlobo ngengoma yemvumi yaseNigeria yohlobo iAfrobeat iqulathe izinto ezimbini, umanyano lwamazwe eAfrika kunye nesithembiso sokuba kwikamva elizayo elilizwe lizakongama nalo kwibhola ekhatywayo eyonganyelwe ngamazwe aseYurophu kunye noMzantsi Melika.
Umfanekiso ongasentla: Abalandeli belizwe laseMorocco bebhiyozela impumelelo yabo ngakwilizwe laseSpain becula iculo elithi Last Last.
Imvelaphi yomfanekiso: @247Updatesng