
Ngu Dylan Bettencourt
EZEMIDLALO: Emva kweentsuku ezingamashumi amabini anesibhozo, nemidlalo engamashumi amathandathu anesine, indebe yehlabathi yeFifa ifikelela esiphelweni – mabini kuphela amaqela aya kulomdlalo: iArgentina kunye ne France. Ingaba leliphi elizakuba ziintshatsheli zalendebe?
Awukho umdlalo omkhulu, olangazelelwa kwaye oshiya imbali ehlala ihleli ukodlula umdlalo wamagqibela kankqoyi kwindebe yehlabathi.
Kwaye ngeCawa intshatsheli ka-2022 iza kuthweswa isithsaba emva komboniso onzima eQatar.
Ilizwe laseArgentina libe lelokuqala ukuzibekela indawo kumdlalo wamagqibela kankqoyi kulendebe emva kokubetha iCroatia kwimidlalo eyandulela eyokugqibela ngobusuku bangoLwesibini.
Ukanti iFrance ibethe iMorocco, yazibeka kwakhona ethubeni lokuba ziintshatsheli ityeli lesibini njengoko yaphumelela indebe yehlabathi kwiminyaka emine eyadlulayo.
Ezintshatsheli ziphumelele ngamanqaku amabini kwimbande yesikhova ngethuba zidlala nelizwe elikumantla elizwekazi iAfrika ngobusuku bangoLwesithathu.
Ukuba iFrance iphinde yaphumelela kumdlalo wangokuhlwa ngeCawa, bazakuba lilizwe lokuqala ukuphumelela indebe yehlabathi ngokulandelelana, emva kokuba oku kwenziwa yiBrazili ngonyaka ka 1962 yaphumelela indebe yehlabathi iminyaka ilandelelana.
Ukanti ilizwe laseArgentina lijonge ukuphumelela lendebe okokuqala usukela ngonyaka ka1986. Eli lizwe laku Mzantsi Melika aliqali ukuza kufikelela kumdlalo wamagqibela kankqoyi kodwa labuya liphaca amatyeli amabini.
ULionel Messi kunye neqela lakhe bazakungena ngethemba lokuba okwesithathu ngumnqakathi xa bengquzulana neFrance kwibala lezemidlalo iLusail.
Ngabalandeli abazakufikelela kumashumi alithoba amawaka abazakubukela lomdlalo ngaphakathi kwibala lezemidlalo babengamangqina okubhalwa kwembali. Ngaxesha nye zizigidi ngezigidi zoluntu ezizakube zibukele kwihlabathi liphela owona mdlalo ubukelwa luninzi lwabantu ehlabathini.
Ngaphambi kwalomdlalo, mnye umdlalo ozakudlalwa: iCroatia izakube iqubisana neMorocco ukuze kufumaneke iqela eliza kufumana imbasa yeqela elikwindawo yesithathu.
Imidlalo yePlayoff idla ngokungathathelwa ngqalelo ngenxa yokuba “ibonakala ingabalulekakanga”, kodwa kwiMorocco uzakube uthetha lukhulu lo mdlalo njengoko bengabalelwa kwindawo yesithathu kule ndebe.
Iqela leAtlas Lions libe lilizwe laseAfrika lokuqala ukuba lifikelele kumaqela amane okugqibela kwimidlalo yendebe yehlabathi. Ukanti ukuphumelela kwabo imbasa yeBronze kuzakongeza kuluhlu lwezinto abaziphumeleleyo.
ICroatia kwelinye icala, ingabonakala ingenamdla kangako, ngenxa yokuba baphanza kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwiminyaka emine eyadlulayo, kwaye kwelityeli bakhutshwe nje ngaphambi kokuba bafikelele kwesosigaba.
Imbasa zebhola yeGolide kunye Nesihlangu seGolide zingafunyanwa nangubani na phakathi kuka Messi noMbappe njengoko bebambene ngamanqaku abawafakileyo amahlanu umntu ngamnye.
Umdlalo wokugqibela wendebe yehlabathi uzakuqala ngentsimbi yesihlanu ngokuhlwa kwangeCawa, apho kuzakuwongwa iintshatsheli. Lomdlalo uzakube udlala kwitshaneli 202 kwiDSTV.
Umfanekiso ongasentla: IArgentina kunye ne France
Imvelaphi yomfanekiso: Arabian Business