
Incwadi evela eLimpopo: Nangona bevela kwelinye icala lohola wendlela uN1, uThabiso Sekhula uthi lanto ikhethekile ngeLimpopo ibenzela indumasi kwiidolophu ezinkulu yaseLimpopo yiyona ibanika indumasi kwidolophu ezinkulu.
Iqabane lam lisoloko lisithi baninzi kakhulu abantu abasuka eLimpopo eRhawutini kunabantu abasuka kwezinye iindawo bedityanisiwe, kwaye xandijonga uxinano olukhuyo kuhola wendlela uN1 bukhona ubunyani kulentetho, nangona ibaxiwe nje.
Kwityeli lam lokugqibela ndityelele kwiphondo laseRhawutini, ndizamile ukuyiqwalasela lentetho. Kwaye indenze ndafumana ingxoxo ezimnandi khakulu kwabo ndikwaze ukuthetha nabo.
Ndibaqaphela kakhulu abantu abathetha iSepedi, Xistsonga kunye neTshivenda xa ndingekho eLimpopo, kwaye ukudibana nje kwethu kuphela imizuzu sibulisana, kuhlekwa kusabelwana ngamabali asekhaya. Yonto nje entle, emnandi ezenzekelayo isenze sivisisane nangakaumbi sikhumbula emakhaya.
Ndinabantu abahlanu endisebenza nabo abasuka eLimpopo besebenzela kwiofisi zaseJohannesburg, kwaye omnye wabo wazana nomnikazi wendawo entle ngolona hlobo esingathanda ukuba siqhubele imicimbi yethu kuyo.
Ndadibana noGlen Lewis kwenye yehotele asebenza kuzo njengo DJ kuba ndandihlala kuyo ngethuba ndandizosebenzela eJoburg iintsukwana ezimbalwa.
UGlen waliphakamisa igama laseLimpopo ngaphambi kokuba ndiye kwisikolo samabanga aphakamileyo ngomculo wakhe kunye nokuzithemba kwakhe ngokusasasaza ngeelwimi zaseVenda njengomntu waseLekarapa. Kwaku nyanzelekile ndibonakalise umbulelo.
Sagqibela sithetha ngokuba yintoni ebangela abantu baseLimpopo bagoduke iveki neveki nangona bechitha iiyure ngeeyure besendleleni, indlela elingathengiseki ngayo iphondo laseLimpopo kwezotyelelo, kunye nempumelelo elinokubanayo eliphondo ngenxa yabantu balo kunye nobuhle bemvelo.
Ukanti kwiyure ezimbini ngaphambi koku, ndandiyokuthenga into yokutya ndadibana nomhlobo wam endamfumana ngethuba etyelele eLimpopo kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo.
Kuba ke ndingumntu onegalelo kumakhasi ezonxibelelwano ndafumana isimemo sokuba yinxalenye yabantu abazakufunda ngoTikTok ukuba ndibonakalise ikhasi lam ku@1000LimpopoSecrets, ndaphuma ndingawuvali umlomo, ndikhuthazekile.
Ndadibana nentombazana eze ngobuso ezweni uMiss Hillary. Ngusaziwayo kumakhasi ezonxibelelwano ngokuthengisa isintu samaTsonga, apho ebonakala ekwimicimbi ephambili, edanisa kumculo welixesha ofana namapiano enxibe isinxibi sesintu samaTsonga iXibelani.
UMiss Hillary ubeke imvelaphi yamaTsonga kunye neLimpopo kumzila ofanelekileyo ukuze abatyaleli abangosaziwayo babamazwe ehlabathi besiza kweli, isebe lezotyelelo libize yena ukuza kumela iphondo laseLimpopo.
Wayeyinxalenye yegqiza elalikhaphe lowo wayesakuba nguMiss SA uShudufhadzo Musinda ngethuba eyokumela eli kukhuphiswano lukaMiss World, enxibe ilokhwe yeXibelani, eyayikhuthazwe guHillary.
Ndaphinda ndadibana noMadam Speaker, ongomnye wabantu abakhulu kwicandelo lezithethi ezikhuthazayo ngalomzuzu. Lo wasetyhini usuka eLephalale igalelo lakhe alibonakali kuMzantsi Afrika kuphela kodwa kwilizwekazi iAfrika liphela.
Bonke osaziwayo endadibana nabo bathobekile, bandinika ixesha labo lonke kwaye sashicilela umboniso sikhwaza iLimpopo kwihlabathi liphela.
Ukanti ndadibana noninzi lwabantu abafana nam nawe, abangafuniyo ukuba ngabantu njee, kwaye basebenzisa imvelaphi neengcambu zabo zokuba ngabaseLimpopo ukufumana impumelelo kwelilizwe ligcwele ngabantu abanesakhono. Baqaqambile – ngenxa yokukhetheka kweLimpopo.