
Usaziwayo kumdlalo kamabonakude waseHollywood, uHenry Cavill uphinde wagxothwa kwakhona kwindawo yokulinganisa uSuperman, emva nje kweeveki ebhengeze ukuba ubuyele kulomboniso.
Umlawuli womboniso iGuardians of the Galaxy okwangusihlalo omtsha weDC Studios uJames Gunn, akazumbandakanya uCavill kumboniso omtsha ka Superman awubhalayo.
UCavill ngumlinganiswa obethe gqolo ukuba yinxalenye yemiboniso bhanya bhanya kaSuperman equka iMan of Steel kunye no Batman vs Superman. Kumboniso wakamva ebedlala indima emfutshane kuBlack Adam ebutsheni balonyaka.
Lomboniso umtsha kaSuperman, ubhalwe ngu Gunn kunye noPeter Safran uzakubonisa lomlinganiswa ngendlela entsha, eyohlukileyo kwaye uzakugxila nangakumbi kwixesha apho wayesemncinci.
Ezindaba zafika njengezothusayo kuCavill njengoko wathi “ayozondaba zimnandi kwaphela” ingakumbi emva kokuba ebhengeze ukuba uzakubuyela kulomboniso.
Esisbhengezo siza njengesinye senguqu ezenziwe yindlu mveliso yemiboniso bhanyabhanya iDC Studios kunye nenkampani ephantsi kwayo iWarner Brothers, eqhubayo nokunqumamisa iprojekthi zayo ngenzame zokucutha inkcitho emva kokubayinxalenye yendibanenisela yentsebenziswano kunye neDiscovery.
Kwinyanga yeDwarha uCavill wosula kwindima yomlinganiswa oyintloko kumboniso weNetflix othi The Witcher, waze wabhengeza ukuba uzakubuyela kwindima yokudlala umlimganiswa ka Suoperman kwakhona.
Ngaphambi kokuba abhengeze ezindaba zimbi, ngoMvulo uCavill ubhale kwikhasi lakhe lezonxibelelwano kuInstagram esithi uGunn kunye noshilalo wakhe uPeter Safran badibene nayo ukumazisa ngekamva lakhe kulomboniso. “Andizubuyela kwakhona njengomlinganiswa kaSuperman,” utshilo umpoposho kaCavill.
“Emva kokuba lomzimveliso wemibiniso bhanya bhanya wandixelelela ukuba mandibhengeze ukubuyela kwam kulomboniso ngenyanga yeDwarha, ngaphambi kokuba bathungathe abalinganiswa, ezi ayizondaba zilula kodwa ke bubomi,” ubhale wenjenje.
Uqhube wathi utshintsho yinto eyenzekayo, kwaye uyaluhlonipha. Uthe uJames kunye no Peter banoxanduva lokuba bakhe ikamva kwilizwe elitsha kwaye unqwenelela bonke abayinxalenye yalomboniso kwelilizwe litsha impumelelo kunye nolonwabo.
Abalandeli bangaziva befuna “Ukuzila umzuzwana”, ubhalile, kodwa “uSuperman usekhona”.
“Ixesha lam lokuba ndiphinde ndinxibe ikhephu liphelile, kodwa into emelwe nguSuperman soze iphele. Bekumnandi ukuba nani kuwo onke amahla ndinyaka,” uqukumbele ngolohlobo.
UGunn kudala wabayinxalenye yokuvelisa umboniso ka Superman: ngo 2018, uGunn wemka kwindlu mveliso yemiboniso bhanya bhanya iMarvel Studios esiya kwindlu mveliso iDC emva kokugxothwe okwethutyana kwimveliso yomboniso iGuardians Galaxy Vol3, kulapho ingqonyela yenkamapani iWarner uToby Emmerich wayefuna uGunn avelise uSuperman. uGunn wakhetha ukubhala kwaye ayalele imveliso yeThe Suicide Squard endaweni yoko.
Iqulunqwe Ngu Mashudu Mabila
Umfanekiso ongasentla: @henry_cavil/Twitter
Imvelaphi yomfanekiso: TheGuardian.com