
Ngu Karabo Rammutla
Watsalela amapolisa esithi ubethwe ngamasela agqekeze eba iimpahla zomqeshi wakhe owasetyhini eCullinan ngoLwesibini, kodwa la mapolisa athi awuzange uqine umnqwazi – kanti bachane uchwethwe.
Kwathi kanti lomsebenzi uncedisayo ungummi waseLesotho, yayinguye ungqondongqondo weliyenqe lokuxhomisa. Walipheka eliyelenqe kunye neqabane lakhe kunye nabanye abane abasebenzisana nabo ukuba bagqekeze kulomzi womqeshi wakhe usisinhanha.
Bagqiba kwelokuba kufuneka bambethe ukuze isenzo sabo singarhuqisi mrhaji ngakumqeshu wakhe.
Zizonke izinto abazibileyo zixabisa ngaphezu kwamawaka angamakhulu amahlanu eerandi, ziquka izinto zombane zasekhitshini, impahla zikanokutsho, utywala, ikhomputha kunye nemipu yokuzingela kunye neembumbulu zayo.
Ngolwesithathu amapolisa aseCullinan ayesele ebabambile bobathandathu abarhanelwa beseziseleni. Isithethi samapolisa uSergeant Connie Moganedi uthe inkcazelo yalomsebenzi uneminyaka engamashumi amabini anethoba khange yanelise ngethuba ehlohlwa imibuzo.
Usivumile isenzo solwaphulo mthetho, wabonisa amapolisa indlu yeqabane lakhe eTembisa apho kufunynwe khona ezinye zezinto ezilahlekileyo.
“Iphulo lobambiswano liqale ngoko nangoko emva kokuba lo msebenzi echaze isiganeko sokugqekezwa, ngabarhanelwa abangaziwayo abafike behamba ngeloli, bathatha zonke izinto ezine xabiso eziqikelelwa kumakhulu amane anamashumi amahlanu amawaka,” utshilo uSergeant Moganedi.
Bobathandathu abarhanelwa bazakuvela phambi kwenkundla kamantyi eCullinan bejamelene namatyala okugqekeza.
Umfanekiso ongasentla: Ezinye zezinto ezibiweyo
Imvelaphi yomfanekiso: Amapolisa esikhululo iCullinan