
Ngu Zukile Majova
Ingaba yintoni kanye kanye esiyifunayo kwingqonyela yakwa Eskom elandelayo?
Kufuneka abengumntu okwaziyo ukucwangcisa izinto, onolwazi oluphangaleleyo ngezezimali nokusebenza kwelicandelo kwaye abenomqolo – okukugqibela abengumntu ongakuchasanga ukulwa norhulumente kunye nombutho olawulayo ojonge ukumenza ihlahla lokuzimela.
Kona kona kufuneka abe kanti uphambene.
Simnqwenelela impumelelo ukubuyisela imali engamashumi amahlanu anesibini eebhiliyoni zeeRandi ekweletwa ngoomasipala beli kuEskom kunye neezigidi ngezigidi ezikweletwa ngabahlali baseSoweto kuEskom, nangaphandle kokuba uEskom wabacimela ityala elingangeebhiliyoni ezisibhozo.
Ingqonyela yeliqumrhu ephumayo uAndre de Ruyter onyamezele amahlandinyuka akwa Eskom iminyaka emithathu – nalapho emibini kuyo ibigutyungelwe ngubhubhane wentsholongwane iCovid 19 – uyangqinelana noku.
Uthi yinto enzima kakhulu ukwenza lomsebenzi.
Enye yezinto ezintlitha inkampani yakwa Eskom ngoonqevu abakwimigodi yamalahle eMpumalanga abaxhobileyo bezilungiselele ukunokalisa ngokuba iibhiliyoni zeerandi kulenkampani.
Oku kuphinde kongezwe yinyhikitya yokufa ekhoyo kulenkampani, kuquka nabanikazi bezabelo abangenamava, ababona izicwangcwiso zokubuyisela uzinzo kulenkampani njengento eyenzelwe ukukhohlisa uluntu bengenazo iinjongo zokuzibophelela ukuba kumiliselwe ezizicwangcwiso.
UDe Ruyter uthi into emtheze amandla okugqibela kwiveki ephelileyo ngethuba kutyikitywa izivumelwano zokuvelisa amandla neenkampani ezilishumi elinesithathu, yinto yokuba umqeshi wakhe – uphathiswa wezamandla uGwede Mantashe – emtyhola ngokusebenzisa inkqubo yokucinywa kombane ukugalela amanzi kumsebenzi wenkokheli eziphetheyo.
“Njengoko inkampani yakwa Eskom ingayithatheli ngqalelo inkqubo yokucinywa kombane, idlala indima enkulu kwimeko yokubhukuqwa kombuso,” utshilo uMantashe.
Ingcali engumhlalutyi kwicandelo lezamandla uDirk de Vos uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ukwenza lomsebenzi kufuna umntu ongathi uphambene bubukrelekrele.
“Ngumsebenzi onzima ukuwenza kwaye izidingo zawo ngeke zifezekiswe. Ingxaki kukuba abanini zabelo bakarhulumente zange baqalisa kwa ukuyiqonda into yokuba uEskom usebenza njani nokuba yintoni engahambi kakuhle kulenkampani.”
“Unabaphathiswa ababini ababeka imithetho; umphathiswa wesebe lezamandla kunye nomphathiswa wamaqumrhu karhulumente,” utshilo uDe Vos.
Owona mnqantsa izakujamelana nawo ingqonyela entsha yalenkampani kukuba ikwazi ukutshintsha izinto kubonakale ingeniso kungakhange kubekhona mali yongezwayo ukuqhuba iprojekhthi ezintsha.
Enye izakuba bubunzima bokubhatala isikweleti sika Eskom samakhulu amane ebhiliyoni ngaphandle kokunyusa ixabiso lentengo yombane.
Ukanti eyona ngxaki inkulu ngumonakalo obangelwa zezopolitiko apho abophuli mthetho abacwangcisileyo bevunyelwa ukuba batyhuthule lenkampani, kungekho nokuncinci ukuzibophelela kukarhulumente ngokubabamba.
Kuzo zonke iinkomfa noondaba uDe Ruyter ubephinda Phinda into enye yokuba akanamdla wokungena kumba wezopolitiko owongamele lomsebenzi.
Ukuthathela ingqalelo ezopolitiko kulomsebenzi kwakuzakuthatha ixesha lakhe aphele engawenzi umsebenzi wakhe.
Kodwa ekugqibeleni ibezingxaki zorhulumente weANC nezopolitiko ezimthathe zamfaka phantsi koxinizelelo kulomsebenzi.
Umfanekiso ongasentla: IOfisi ezinkulu zenkampani yakwa Eskom
Imvelaphi yomfanekiso: @AfricaNew