
Ngu Zukile Majova
Lilinge lokugqibela eli kwiqela lamalungu ombutho weANC azimisele ukoxutha iintambo zolawulo, ngeenjongo zokunyevulela iinzame zokulwa nobuqhophololo kwakunye nokuzinzisa uqoqosho lweli emva kweminyaka yokubanjwa ngobhongwana.
Eli liqela lalombutho lijonge ukuchitha iinzame eziqhubayo zokulwa urhwaphilizo kumasebe karhulumente, liphinde limfimfithe oovimba beli basale bome nko.
Kuleminyaka mihlanu eliqela lombutho weANC sele lithuke iijaji kuquka nejaji eyintloko kweli uChief Justice Raymond Zondo, kwaye lenza zonke iinzame zokwehlisa intembeko ngakwi komishoni eyayiphanda ngokubanjwa ngobhongwana kukarhulumente weli ngamaqumrhu abucala.
Eliqela lizibiza ngeRadical Economic Transformati (RET) lihamba phambili ngokumemelela umongameli uCyril Ramaphosa ukuba asuswe esihlalweni sakhe, okanye anyanzeliswe ukuba arhoxe kwesisikhundla.
Iphulo labo oko laliqhuba ukusukela kokoyiswa kukaNkosazana Dlamini-Zuma nguRamaphosa kwinkomfa yeANC ka2017; ukoyiswa kukaDlamini-Zuma kwamisa iziqhoboshi kwinqwelo yokuphangwa kweemali zika rhulumente ngendlela engazange ibonwe ngaphambili.
Lingekaveli nebholo lokubiwa kwemali engange $580 000 eyayifihlwe kwisofa kwifama kaRamaphosa iPhala Phala ngo2020, eliqela leRET kwakukudala likhangela ikroba lokususa umongameli esihlalweni.
Inzame zokuqala zika Ramaphosa ukuvuselela umbutho weANC zaphuma nomnye wenkokheli eziphambili kweliqela uAce Magashule, owayetyholwa ngokubandakanyeka kwibholo lesiniki maxabiso se Asbestos esasixabisa imali efikelele kumakhulu amabini anamashumi amahlanu ezigidi zeeRandi kwiphondo laseFree State, kwaye wanyanzeliswa ukuba arhoxe esikhundleni ngelixa esazama ukucoca igama lakhe kwelibholo ngokwenkundla zomthetho weli.
Ukuphunyezwa kwesivumelwano sokuba ubani onamatyala ajamelene nawo asaphandwayo arhoxe esikhundleni, kwanyanzelisa ukuba iinkokheli ezithile zishiye izikhundla zazo, kwaye uninzi lwabo babandakanyeka kwingxelo yekomishoni kaZondo bangajamelana nokushiya ezikhundleni ukuba babekwe ityala kwezinyanga zimbalwa zizayo.
Ukuze kwandiswe amandla kwiGunyabantu leSizwe lezoTshutshiso, bangaphezulu kwewaka abatshutshisi abathe baqeshwa njengenxalenye yephulo likaRamaphosa lokuchasa ukusetyenziswa gwenxa kwemali karhulumente ngamahlakani akhe.
Kwabo amagama abo athe gabhu kubungqina obusezandleni zooKhetshe kunye neGunyabantu lezotshutshiso, inkomfa yonyulo yamashumi amahlanu anesihlanu yombutho weANC ibanika ithuba elihle lokuba bamkhuphe uRamaphosa kunye nephulo lakhe lokulwa urhwaphilizo.
Ngethuba esothula intetho ekhethekileyo kwisidlo seProgressive Business Forum Gala dinner ngokuhlwa kwangolwesine, uramaphosa uphinde wazibophelela kwakhona ukuqhubeka esilwa norhwaphilizo kurhulumente wakhe.
Kulenkomfa amabutho eRET akhokelwe ngulowo wayesakuba ngumphathiswa wesebe lezempilo uZweli Mkhize, owakhutshwa esihlalweni ngezityholo zokubandakanyeka kwisiniki maxabiso esasixabisa imali efikelele kwikhulu namashumi amahlanu ezigidi esanikwa inkampani iDigital Vibes ngondlela mnyama.
Le nkomfa yonyulo imiselwe umhla weshumi elinesithandathu ukuya kumashumi amabini kulenyanga yoMnga, kulindeleke ukuba itshise ngokuhlwa kwangolwesihlanu ngethuba amalungu angamawaka amane anamakhulu amahlanu ezakube evumelekile ukuba onyule abagqatswa abongezelelweyo kwisikhundla sika mongameli, usekela mongameli, usihlalo kazwelonke, unobhala jikelele, usekela nobhala kunye nonongxowa walombutho.
Umfanekiso ongasentla: Umongameli wombutho weANC uCyril Ramaphosa
Imvelaphi yomfanekiso: @MyANC