Bonwabele izipho zeKhrismesi abantwana bendawo yamatyotyombe eKapa

Ngu Buziwe Nocuze

Ibiyimincili novuyo kubantwana abahlala kwindawo yamatyotyombe eThabo Mbeki eKapa, ngethuba kufika isibhedlele iGroote Schuur sibaphathele izipho. 

Kwabanye babo, ibikokuqala befumana izipho zeKhrismesi kwaye bafumane ukudla isidlo no Father Christmas. 

Umsebenzi wesisibhedlele uAlaric Jacob uthe babanephulo abalenza unyaka nonyaka apho babanokuphiswano lokupheka. 

“Abasebenzi bethu bapheka ukutya esithi sikuthengise, ngemali esiyenzileyo sinikezela kumbutho wesisa. Yiyona Ndlela sinikela ngayo eluntwini,” utshilo uJacob

Ngolusuku abasebenzi badlale nabantwana, bebabalisela amabali ahlekisayo kwaye batya nabo isidlo sasemini ngaphambi kokuba babaphe izipho. 

UJacob uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba esisibhedlele siyavelana nabantwana abasuka kumakhaya angathathi ntweni; yilonto beqinisekisa ukuba bayaphuma bayokwenza utshintsho. 

“Ukunika uthando nolonwabo yinto ebaluleke kakhulu, kwaye ukubona abantwana bonwabile yeyonanto ihamba phambili kuthi.”

Sele iyiminyaka emihlanu esisbhedlele siqhuba eliphulo. Unyaka nonyaka bachonga umbutho wesisa, banikezele ngokutya, izinto zokwakha okanye izixhobo zebhola ekhatywayo.

UBuzwe Kali, oyinkokheli yasekuhlaleni engumsunguli wombutho wesisa uMzila Omhle uthe, ubulela kakhulu ngezipho abazifumene kwesisibhedlele. 

“Uninzi lwabantu abazi ukuba izibhedlele azikhathaleli kuphela abagulayo kodwa nabo badingayo.”

Ukufumana kwethu ezizipho kusenze saqonda ukuba bakhona abantu abasabakhatheleleyo abantu abangathathi ntweni. 

“Ukubona abantwana bonwabile akulinganiswa nanto, bakonwabele ukutya kwaye bazithande nangakumbi izipho zokudlala abazifumeneyo.”

Omnye wabahlali uyiqhwabele izandla into eyenziwe sesisibhedlele kubantwana balendawo. 

“Akufanelekanga ukuba bayithathe kancinci into abayenzileyo. Kuba abantwana abaninzi abazifumani izipho. Yinto enkulu kakhulu kubo.” 

Abanye babo bakuvuyele ukubona uFather Christmas edlala nabo. “Bendingayazi ukuba izibhedlele ziyakwazi ukwenza into eloluhlobo, kwaye ndiwuthandile umsebenzi wabo.” 

Umfanekiso ongasentla: Isibhedlele iGroote Schuur siphe abantwana izipho zeKhrismesi

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Buziwe Nocuze