Zifela impumelelo yazo iimvumi zika Masikandi

Ngu Celani Sikhakhane

Iimvumi ezimbini ezingosaziwayo kumculo kamaskandi zivalelwe ngaphandle kuluhlu lweengoma zokuvala unyaka kwisikhululo sika nomathotholo uKhozi FM- kuba besithi abalandeli zidume kakhulu. 

Oku kuza emva kokuba iimvumi zikamaskandi uKhuzani Mpungose ocula iculo elithi “iJele” kunye noMthandeni Manqele baphumelela kolukhuphiswano iminyaka emibini ilandelelana, nto leyo yabangela ukuba kuvuke umnyele kuluntu ngokubanzi bekhala ngelithi oku kuhambiselana nobuhlanga.  

Udumo lomculo kaMaskandi kolukhuphiswano luqale ngonyaka ka2016 emva kokuphumelela kwengoma kaMroza Fakude ethi “Van Damme”.

Ukanti kunyaka olandelayo, ingoma yokuvala unyaka yaphunyelelwa nguMpungose, kwaqala apho ukukhalaza kwabantu bekhalazela into yokuba uluhlu lwengoma kuKhozi FM longanyelwe zingoma zikaMaskandi.

UMkhuliseni Mdletshe ongusihlalo wabaxhasi bakaManqele ukhalazile malunga nokuvalelwa ngaphandle komculo kamaskandi kolukhuphiswano esithi lucalucalulo ngakwintlobo yomculo wabo, njengoko esisikhululo sosasazo loluntu uKhozi lizivalele ngaphandle ezimvumi zimbini.

“Ingxaki kukuba ngalo lonke ixesha kufakwe esisibini kolukhuphiswano, kubanzima ukuba ezinye intlobo zomculo ziphumelele. Singabaxhasi bomculo kamasikandi sivota ngobuninzi bethu, kwaye asithengi macwecwe (CD) omgunyathi ngoku basivalela ngaphandle ngenxa yalonto,” utshilo uMdletshe. 

Uthe oku kufana ncakasana nento yokuba abaququzeleli bembasa iGrammy bagqiba kwelokuba balivalele ngaphandle iqela iLadysmith Black Mambazo kuba benoloyiko lokuba basoloko bephumelela xa kuthethwa ngomculo wemveli kwilizwekazi iAfrika.

Ukanti uGugu Ntuli weSABC ucele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba lithumele imibuzo ngomyalezo, kodwa khange aphendule.  

Eliqonga iScrolla.Africa liphinde lafumanisa ukuba iSABC ijamelene netyala lolwaphulo mthetho elivulwe nguOwen Ndlovu, obanga ngelithi yavela naye into yokuba kubekhona ingoma eyohlukanisa unyaka. Utyhola ngelithi iSABC isophule isivumelwano abasityikitya naye. 

Wongeze ngelithi, “Ndivule ityala ngakomnye womanejala beliqonga”, utsho esithi khange asifumane esakhe isixa kwimali abayenze ngokuvotelwa kwezingoma zokuvala unyaka. 

“Ndilinde amapolisa ukuba aqalise ukuphanda ityala endilivule ndimangalela omnye womanejala besisikhululo kummandla waKwaZulu-Natal.”