
Ngu Lungani Zungu
Iminyaka yamava ka John Hlophe iphelele emoyeni emva kokunqunyanyiswa ngumongameli weli uCyril Ramaphosa njengejaji eyongameleyo kwiphondo laseNtshona Koloni ngoLwesithathu.
UHlophe, noyinzalelwane yakwaZulu-Natal, oko wayentyumpantyumpeka kwiingxaki zomthetho ukusukela ngo-2008 etyholwa ngokungaziphathi kakuhle njengejaji.
Lo gama ukunqunyanyiswa kwakhe kuza kuqalisa ngoko na ngoko, uHlophe uza kuvunyelwa ukuba awagqibezele onke amatyala ebewachophele aze akhuphe zonke izigwebo ebezisankonyiwe.
Kwimbalelwano ekhutshiweyo yiofisi kamongameli ithe ukunqunyanyiswa kukHlophe kuza emva kwengcebiso ayinikwe yikomiti yobulungiswa kweli (iJSC) ngokukhokhelwa ngumthetho phantsi kuka section 177 (3) womgaqo siseko.
Ingxelo yeJSC malunga noHlophe yanikezelwa kuRamaphosa ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga yeKhala.
Noxa kunjalo, iofisi kamongameli ithe ngenxa yembali ende nenobuzaza malunga noku, uRamaphosa uthathe ixesha lokuqwalasela ngononophelo zonke iimvume zeziphakamiso zeJSC, kuquka nokufumna isikhokhelo kuluvo lezomthetho elizimeleyo.
Ukanti usection 177(3) womgaqo siseko weli unika umongameli, imvume ukuba xa ethe wafumana ingcebiso kwiJSC, angakwazi ukunqumamisa ijaji efunyaniswe inetyala ngokuka subsection1 ojongene nokususwa kwejaji efunyaniswe inetyala malunga nokungakwazi kuziphatha.
Le ngxelo yongeze ngelithi: “Inkundla yobulungiswa (iJCT) igqibe kwelokuba uHlophe uwophule umthetho ngokuka section 165 womqaqo siseko weli, ngokuzama ukunyanzelisa ijaji ezimbini kwi ofisi yenkundla yomgaqo siseko ukuba bavukele isifungo sabo abasenzayo bekula ofisi.”
Inkundla yobulungiswa ngokomthetho igqibe kwelokuba indlela awaziphatha ngayo uHlophe yabeka esichengeni kwaye yaphazamisana nokuzimela, ukungakhethi, ukubamba isidima kunye nokusebenza ngokufanelekileyo kwenkundla yomgaqo siseko yeli, ngokokutsho kweofisi kamongameli.
Ingxelo yeJSC ihlahla indlela yokuba indlu yowiso mthetho yeli ikwazi ukuqalisa inkqubo yobulungiswa ngakuHlophe.
Imbali malunga nolwaphulo mthetho
Ingxaki zikaHlophe ngokuhambiselana nomthetho zaqala kwiminyaka elishumi elinesine eyadlulayo, ngonyaka ka2008. Apho wazama ukunyanzelisa ijaji ezimbini zenkundla yomgaqo siseko weli uChris Jafta kunye noBess Nkabinde kwityala elimalunga nentengo yezixhoxbo elibandakanya wayesakuba ngumongameli uJacob Zuma.
Emva koku, iijaji ezilishumi elinanye zenkundla yomgaqo siseko zafaka isikhalazo ngokusemthethweni kwiJSC ngakuhlophe, ngento abayibiza njenge “ilinge elingafanelekanga lokuphembelela iziphumo zamatyala athile aqhubayo kwinkundla yomgaqo siseko kuba kuncedwa uZuma.”
Kunyaka ophelileyo, inkundla yezobulungiswa yafumanisa uHlophe ukuba “uzame ukuphembelela ijaji ngokungafanelekanga.” Nalapho uHlophe kumatyeli amaninzi ethe akanatyala ngakwezizityholo.
Umfanekiso ongasentla: Ngu John Hlophe
Imvelaphi yomfanekiso: Judges Matters